Bagrogrisa ngokuyishiya yodwa iminxeba ka10111

Abasebenzi baka10111 ngethuba bebambe umngcelele eZwelitsha eQonceUMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Bangashiyeka bengafumani mpendulo abantu baseMpuma Koloni xa bebike ulwaphulo-mthetho emapoliseni, ukuba abo bathwaliswe uxanduva lokuphendula leminxeba ka10111 bengaphenduleki kwizikhalazo zabo.

Kule veki amalungu ka10111 kwiMpuma Koloni iphela, bebeyinxalenye yogwayimbo lukazwelonke befuna ukonyuselwa imivuzo.

Bathi imali abayirholayo incinci kangangokuba kunzima nokuthenga imoto okanye bafumane inkxaso-mali kwizindlu.

Kuxwebhu lwabo lwezikhalazo abazidlulisele kubaphathi besipolisa sephondo eZwelitsha eQonce ngoLwesibini, abasebenzi baka10111 bathi bafuna ukusuka kwibakala lemirholo kaLevel 5 baye kuLevel 7.

Obethethela la malungu ka10111 uNosipho Mzuku uthi abalweli konyuselwa zikhundla babe ngooConstable, koko bafuna ukonyuselwa kwemivuzo yabo.

“Singu10111 sonke sidibene nabamanye amaphondo ngengxaki yokunyuselwa imivuzo yethu. Umbuzo wethu kukuba kutheni kumanye amasebe anamaziko oncedo olukhawulezayo, berhola ngcono kunathi ube umsebenzi kuthi umninzi.

“Singabona baxakekileyo kuba umntu nokuba uphi, uthi wakwehlelwa yingxaki kuqale kuthi qatha u10111 ukuze afumane uncedo,” kutsho uMzuku.

Osebenza kwiziko lika10111 eMthatha uthe, bayasokola kunzima nokuba bafundise abantwana kwiiyunivesithi ngemali abayirholayo. “Kunzima nokuba samkelwe ziibhanki xa siyokwenza imali-mboleko kuba imali esiyirholayo incinci, asinazindlu. Siyadandatheka ngakumbi kukurhola kancinci siphinde sifumane iminxeba yabahlali abahlelwe zizinto ezibuhlungu singafumani nololuleko ngokwasengqondweni,” kutsho lo msebenzi.

La malungu athi afumana udandatheko emphefumlweni mihla le ngenxa yezehlo ezihlasimlisa umzimba ezibikwa emapoliseni. “Oonontlalontle kuthwa ngabamapolisa hayi thina. Sithuthuzelwa ngubani thina emphefumlweni,” batshilo ngethuba bephambi kwamasango esipolisa sephondo eQonce.

Uxwebhu lwabo lwezikhalazo lwamkelwe ngusekela mkomishinala wamapolisa aseMpuma Koloni uMajor General Nomalady Dlani oxelele la malungu ukuba uzakulidlulisela kwisigqeba sikazwelonke zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe.