Bagxek’ uZwelonke othi amakhosikazi ‘abuthathaka’

Ikumkani yamaXhosa uZwelonke Sigcau ekunye noNkosazana Dlamini Zuma kwikomkhulu lamaXhosa eNqadu, kuGatyanaUMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ZIXUBENE izimvo kumaqonga ezonxibelelwano emva kwentetho kaKumkani wamaXhosa uMpendulo Zwelonke Sigcawu oxelele uNkosazana Dlamini-Zuma ukuba ilizwe loMzantsi Afrika alikulungelanga ukuphathwa yinkosikazi.

UDlamini-Zuma, usihlalo ophumayo weKomishini yeManyano yaseAfrika (AU), ebetyelele iKomkhulu eNqadu kuGatyana ngoLwesibini. Iinjongo zotyelelo azicaci ncakasana nanjengoko umsitho ububonakala njengalowo wokumamela izikhalazo zabahlali baseMpuma Koloni.

UDlamini-Zuma ukugqatso lobumongameli kwiANC ekhuphisana noSekela-Mongameli walo mbutho uCyril Ramaphosa phakathi kwezinye iinkokeli.

Umsasazi weAlgoa FM uJeff Moloi ubhale kuFacebook wakhe esithi: “Ndisoloko ndilukrokrela ugqatso lukaNkosazana kodwa akekho umntu ofanele [ukuyucwa] ngolu hlobo.”

Isithethi seANC eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane naye ubhale kuFacebook, enombuzo-buciko, esithi: “UKumkani uthi [uNkosazana Dlamini-Zuma] uyisebenzele iAfrika, kodwa aphinde athi akakulungelanga ukuphatha uMzantsi Afrika.”

Ummi waseNqadu okwangumcebisi kaKumkani Sigcawu, * -Ace Ncobo, uthe: “Abo bayaziyo imigaqo nemiqathango yeenkosi zemveli kwanesithethe samaXhosa sokuze intetho kaKumkani bayithathe njengaleyo icalula amakhosikazi.”

“Ingaba iyacalula intetho ethi amakhosikazi sokuze alungele ukomba xa kuza kungcwatywa?” kubuza uNcobo.

UXolisile Mari ubhale kuFacebook wephephandaba I’solezwe esithi: “Noko ke iintetho zoMntan’omhle kwezokulungela koomama izikhundla zokukhokela azindihluthisanga. Isizathu endisivileyo kukuba uthi uMntan’omhle ‘ilizwe alikalungi kwalapha kootata’.”

“La mazwi anga athi ukuze oomama bakhokele kufuneka balinde ootata baphumelele kwezolawulo, kanti ke akunjalo. Oomama banezakhono njengootata, kangangoba nomkhosi welizwe uphethwe egoqweni walulama ngoku sithethayo, akho ngxaki,” utshilo uMari.

Ethetha Komkhulu, uSigcawu uthi iingxaki zentlupheko nentswelo-ngqesho ziwongamele uMzantsi Afrika ngoko yena ucinga ukuba umongameli oyinkosikazi sokuze alungele ukuqubisana nazo.

“Ilizwe loMzantsi Afrika alikakulungeli ukuphathwa ngumntu ongumama kuba lisaxake amadoda. Singayenza njani eyokuthatha umntwana womntu [Dlamini-Zuma] siyombeka kwisikhundla sokukhokela uMzantsi Afrika. Abantu abangoomama babuthathaka ngokwendalo,” utshilo uSigcawu.

USigcawu, obemxhelele inkabi yenkomo uDlamini-Zuma, uthi baqhubela phambili nephulo lokuseka umbutho wezopolitiko besebenzisa iContralesa (Congress of Traditional Leaders of South Africa). Uthi lo mbutho uzakungenela unyulo luka2019.