Bagxeka urhulumente kuManzimdaka!

Abemi bakuManzimdaka kwintlanganiso yokuvalwa kwendlela umfanekiso: uthunyelwe

Bagxeke urhulumente weMpuma Koloni abemi belali yakuManzimdaka eNgcobo emva kodushe oluvele phakathi kwabo nabelali abamelene nayo iGubenxa.

Oku kulandela emva kokuba abemi bakuManzimdaka bathe babamba uqhankqalazo ngokuthi bavale iindlela ezingenayo, neziphumayo kule lali ngelikhalazela ukuthuthwa kwabantwana besikolo iManzimdaka SPS.

KuMgqibelo weveki ephelileyo, amadoda aseGubenxa afike kule ndawo abaqhankqalazi bavale kuyo, nto leyo ikhokelele kwidabi phakathi kwala madoda ezi lali zimbini.

Kwelo dabi kubekho iingxwelerha ezibalekiselwe kwisibhedlele saseKhowa, omnye kwezo ngxwelerha waswelekela kwisibhedlele iFrere eMonti.

Othethela abemi bakuManzimdaka uMongezi Niselo uthethe wathi: “Ngurhulumente intsusa yayo yonke le mbambano neGubenxa. Okokuqala sasithenjiswe ukuba abantwana bethu baza kuthuthwa ukususela xa kuvulwa izikolo kodwa akwabi njalo, sagqiba kwelokuba siqhankqalaze. IGubenxa lona lizosiqala lazosibetha kwitoyitoyi, nathi ke salwa. Siyayixolisela eyesidumbu kuba ibingeyonjongo yethu.”

Isebe lezoThutho eMpuma Koloni nelijongene nokuthuthwa kwabantwana besikolo lithi liye langenelela emva kokuba lazisiwe ngolu qhankqalazo.

Othethela eli sebe * -Unathi Binqose uthi: “Amagosa esebe lezothutho abambisene nawesebe lezemfundo kuquka namagosa aphuma kumasipala, abambe iindibano nabahlali ngelizama ukufumana isisombululo, nokunqanda impalalogazi. Siyacela kubemi ukuba bangonakalisi indlela eseyikhona, babe ngumzekelo kubafundi.”

Ukanti ummi waseGubenxa uTukuse Myeko okumashumi amahlanu eminyaka ubudala, ufumene ukwenzakala ngethuba amadoda aseGubenxa nawakuManzimdaka engquzulana.

Ubalekiselwe kwisibhedlele saseKhowa nalapho aye wadluliselwa kwisibhedlele iFrere ngeCawe. Uye wasweleka ngentsasa yangoMvulo.