Bahlabene babulalana kuCentane

Amapolisa aku Centane  abambe umfana oneshumi
elinesibhozo (18) emveni kokuba ethe wabulala omnye onamashumi amabini ananye
(21) ubudala.
 Ngokwengxelo yamapolisa alammandla ixhoba lihlatywe
ngesikhali esinobungozi kumzimba ongentla labhubha kwangoko. 
Bobabini umrhanelwa kwakunye nexhoba bebekwindawo
yentselo ebusuku ngoLwesihlanu emva kwentsimbi yesebhozo kwilali yakuMsintsana
eTeko.

Esi sibini kubikwa kuba siye asavissisana ngethuba sikule ndawo yentselo, nto leyo ikhokelele ukuba bahlabene, de wabhubha omnye, ochazwe njengoYolanda Dlamoyi (21). Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwiinkundla zamatyala kuCentane kungekudala, nalapho azakujongana netyala lokubulala.