Bajikwe ePalamente abafundi basePhilippi kuba bengena mpephamvume zokuqhankqalaza!

EKAPA: BAJIKWE ePalamente abafundi basePhilippi High School izolo emva kokuba befunyaniswe bengenampepha zokuqhankqalaza.

Abafundi besi sikolo samabanga aphakamileyo ebebenxibe iimpahla zesikolo ezimbala uluhlaza, abangama300, bajikwe lipolisa ebeligade amasango emva kokuba lifune ukuqonda ukuba liphi iphepha elichaza ukuba baza kufika.

Baye bachaza ukuba abanalo kwaye bebengayazi ukuba kufuneka babeneempepha zokundwendwela ePalamente kuba besithi sisakhiwo apho iinkokheli zisebenza khona.

“Hayi ke! Ukuba kunjalo asinakukwazi ukuninceda. Kufuneka nibeneempepha ezichazayo ukuba niza apha. Xa ningenazo, lo nto ithetha ukuba nilapha ngokungekho mthethweni. Ningandivi kakubi nam ndinabantwana abalingana nani. Ndiyavakalelwa kuba isikhalazo senu siyavakala. Kodwa umthetho uthi kufanele niqale nifumane iphepha elithi niza apha kwaye nifuna ukuthetha nabani,” litshilo eli polisa.

Abafundi basePhilippi High bafuna ukwakhelwa isikolo esitsha. Bathi bafundela emaplangeni apho kungekho neefestile. “Oko safundela phantsi kwezi meko ukususela ngo2010. Kudala sahamba sifuna ukuba masakhelwe isikolo esisemgangathweni kodwa akukho nto ilungayo. Sesisuka nakubaphathi bengingqi yeMetro South eMitchells Plain. Andisathethi ke kwisebe lezemfundo kweli phondo. Kodwa onke loo malinge awezi naziphumo,” utshilo uBangikhaya Ntoyakhe ofunda uGrade 11.

Kulo nyaka uphelileyo, abafundi besi sikolo badutyulwa ngeembumbulu zerabha emva kokuba bavala indlela iEisleben ePhilippi betshisa amavili bekwaqhankqalazela kwale meko, kwabanjwa abayi-15.

UNolwazi Vumendlini ofunda uGrade 12 uthe ukuba iinkokheli bezikhathala ngekamva lesizwe ngebengajikwanga sele besePalamente. “Asihoywanga. Sithini xa kunje? Kutheni la mapolisa asixelela ngeempepha-mvume engenakusibizela uMphathiswa wezeMfundo? Aye ephela amathemba wokuba sakuze sisakhelwe isikolo. Aba bantu abayazi imeko esifunda phantsi kwayo. Sifundela emaplangeni nakwiikhonteyina ezithi zibande ceke xa kubanda zitshise xa kushushu. Bona ababo abantwana bafunda kwizikolo zodidi, yiyo le nto bengasinaki,” utshilo.

Uthe kodwa abazukuphel’amandla, baza kulifuna elo phephamvume ukuze baqhubekeke noqhankqalazo. “Besiza kuphuma apha siye eziklasini kodwa ngoku siza kuya emapoliseni siye kufuna la maphepha ukuze siphinde sibe lapha kwakhona. Lithemba lethu lokugqibela eli. Sifuna uMphathiswa wezeMfundo okanye uMongameli aye kuzibonela ngokwakhe. Asiyondawo yokufundela leya ingakumbi kurhulumente wesininzi,” utshilo.

ISebe lezeMfundo lithe ukwakhiwa kwesi sikolo ngokutsha kusayilwa.