Bakhulisa uqoqosho ngokuhlohla intsimbi

Usekela mphathiswa wezobugcisa nezenkcubeko kuzwelonke, uRejoice Mabudafhasi kunye nomphathiswa weli sebe ephondweni, uPemmy Majodina, uthi bonelisekile ngumsebenzi wezandla owenziwa ngabathungi baseMnquma kunye nabaseMbhashe.

Oku kulandela utyelelo lwabo eMnquma kwiveki ephelileyo, apho bebezokujonga indlela esebenze ngayo imali eyatyalwa ngurhulumente kwaba bathungi.

Kunyaka ophelileyo uMabudafhasi waxhasa zonke iiprojekthi zabathungi beli phondo ngemali engangesigidi seerandi ukuba zahlulelane ngayo.

UMabudafhasi uthi eli nyathelo ziinzame zokuphuhlisa bonke abantu abenza umsebenzi wezandla ezilokishini kunye nasezilalini.

Ukwathi uchulumance kakhulu ukubona imali isetyenziswe ngendlela efanelekiyo, kuba wonke ubani oxhamle kuyo ubonise ngento ayenzileyo.

“Ndonwabe kakhulu ukubona imibhaco emihle eniyithungileyo ngale mali, kwaye lo nto iyandikhuthaza,” utshilo uMabudafhasi.

Ngokuxhasa kwethu abo benza umsebenzi wezandla, sigxeleshe ukuba bancedise kuqoqosho , woleke watsho.

UMajodina, uthi urhulumente uzibophelele ekuphuhliseni uluntu, kwaye uthi baceba ukuthethana nezikhululo zeenqwelo ntaka zeli phondo ukuba zinike abathungi ithuba lokuba babonise ngezinto zabo ngaphakathi kuzo.

“Ukuba abathungi bethu bangafumana ithuba lokuba babonise ngezinto zabo kwizikhululo zeenqwelo ntaka, lo nto ingabonakalisa ubuthina kubatyeleli ngokulula,” utshilo uMajodina.

Iihotele kunye neendawo zokulala, iB&B, zezinye zeendawo umphathiswa uMajodina, athi zingadlala indima enkulu ngokuthi babonise ngezinto zabo khona.

Uqhube wathi noomasipala beli mabaxhase abo benza imisebenzi yezandla ngokuthi babafake nakwisicwagciso nkqubo sophuhliso soomasipala.

UNtando Ludidi waseNgqamakhwe ohlohla iintsimbi, uthi uwuthanda kakhulu umsebenzi wezandla.

ULudidi ubhale umhobe wesizwe ngeentsimbi azihlohlileyo emva koko wazipha umphathiswa uMajodina njengesipho.

isibhalo@Inl.co.za