Bakufun’apha ukutshaya!

Umbutho iFair-Trade Independent Tobacco Association (Fita) uthi ukulungele ukuya enkundleni ukuba urhulumente uyaqhubeka nokuthintela ukuthengiswa kweemveliso zecuba ngenxa yekhorona.

Othethe egameni lalo mbutho kuzwelonke, uSinenhlanhla Mnguni, uthi bangugalelebhayini omele iinkampani ezivelisa icuba ezikumashumi asibhozo ekhulwini kumazantsi weAfrika.

“Siyothusa esi sigqibo sikarhulumente sokuthintela ukuthengiswa kwecuba ngeli xesha ilizwe likwimeko embi kangaka yezimali, urhulumente uyalahlekelwa kakhulu ngenxa yokuvalwa kwezi mveliso zethu,” kutsho uMnguni.

Ngokwengxelo, iqikelelwa kwibhiliyoni yeerandi imali ethi ilahleke kweli ngenyanga ngenxa yokuthintelwa kokuthengiswa kwala macuba.

Lo mbutho uthi xa kungenakwenzeka inguqu ekhawulezileyo kwintengiso yecuba mininzi imisebenzi eza kulahleka.

Ukuthengiswa kwecuba kunqunyanyiswe ngethuba urhulumente weli eqalisa ukumisela imiqathango yokuba uluntu luhlale emakhaya, luphume ngenxa yezizathu ezibalulekileyo.

NgokweWorld Health Organisation, abantu abatshayayo basesichengeni sokosulelwa yikhorona nanjengoko izandla zabo zidibana lula nemilebe yabo xa betshaya.

“Oku kwenzeka ngexesha apho iSouth African Revenue Services yoyisiwe kukuqokelela imali ebizimisele ukuba iza kuyifaka engxoweni yayo kunyakamali ogqithileyo, lo nto ithwaxe ngamandla imeko yezemali,” kucacisa uMnguni.

Uthi ukunqunyanyiswa kokuthengiswa kwecuba akuvalanga ukuba abantu balikhangele ngezinye iindlela icuba.

“Abantu basebenzisa ezinye iindlela ukufumana icuba, kwaye oku akukho mthethweni, esikucelayo kukuba urhulumente asivumele sithengise icuba ngokusemthethweni, kwiindawo zokwetha amafutha nakwiivenkile ezincinci,” kutsho uMnguni.

Ethetha ngale miqathango, uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumente neMicimbi yeMveli, uGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma, uthi baza kuhamba ngonyawo lonwabu ukuvulela uluntu iingcango kwakhona.

“Asinakuvula yonke into ngexesha elinye, kodwa siza kuvula ezinye iinkalo zentlalo noshishino, logama ezinye zivaliwe, kukwakho ezo ziza kuqhubeka zivaliwe nokuba kungavulwa,” kuthetha uDlamini-Zuma.

Ilizwe loMzantsi Afrika lelinye lamazwe elinabantu abaninzi abatshayayo ngokukodwa kwilizwekazi laseAfrika. Ukanti ingxelo yeofisi kaMongameli ithi uRamaphosa ukulungele ukuthethana naye nabani oza ngaphambili,

ingakumbi xa lowo eneenjongo zokunceda ukukhusela impilo yoluntu nemeko yezemali yeli. UMphathiswa woRhwebo noShishino, uEbrahim Patel, naye ujongene nokusiwa ezinkundleni ziinkampani ezithengisa ukutya okuvuthiweyo ngenxa yesithintelo esingakuvumiyo ukuthengiswa kokutya ngenxa yekhorona.