Balindele ingeniso encumisayo kulimo lwemifuno

UThembekile Hele kwifamana yabo eZingcuka eQoboqobo

 

Amafama aseZingcuka eQoboqobo athi alindele isivuno esincumisayo kulandela ukusebenza nzima betyala ikhaphetshu kwifamana yabo ekulelali.

 

La mafama, phantsi kwendibanisela iLower Zingcuka Agricultural Cooperative, kulindeleke ukuba athengisele amaziko karhulumente afana nezibhedlele kuquka nemizi yabucala efana noNicks Food noPick n Pay.

 

Usihlalo wale ndibanisela uThembekile Hele uthi ikhaphetshu yabo ikumgangatho oncomekayo kuba bebeyikhathalele ngezichumiso.

 

“Siyalima thina eZingcuka, ingakumbi ikhaphetshu, umnqatha, amazambana, ibutternut, isipinatshi nezinye. Yiminyaka isixhenxe silima, futhi asizisoli ngokwenza oko kuba siyawubona umahluko kwiimpilo zethu.

 

“Ukutya kwethu kusemgangathweni kuba siyakukhathalela ngezichumiso,” kutsho uHele.

 

Umsebenzi wooHele unikwe umfutho ngurhulumente wephondo leMpuma Koloni emva kokuba benikwe iteletele, phakathi kwezinye izixhobo, ngeenjongo zokuba baqhubele phambili nelinge labo.

 

“Ukufumana kwethu ezi zixhobo kuza kusibangela ukuba sikhule nangakumbi njengamafama. Into emnandi kukuba ezi zixhobo zifikela kubantu abenza into abayithandayo,” kutsho uHele.

 

Ethetha kumsitho wokunikeza ezi zixhobo eZingcuka ngoLwesithathu, iNkulumbuso uPhumulo Masualle uthi eli phondo linomxakatho ongabangela ukuba kondliwe iAfrika esemazantsi iphela.

 

“Sihleli phezu kwendyebo kweli phondo. Ukuba singazimisela ukulima, inene singondla neSADEC [Southern African Development Community] iphela. Urhulumente unayo inkxaso ayibekele bucala kumaphulo okulima, kodwa kubalulekile ukuba sibonakalise intshukumo nathi singabahlali phambi kokuba kufike uncedo lukarhulumente,” utshilo uMasualle.