Bambethele oogqirha nezicaka bambulala ngenxa yenyama yetyiphu

Amapolisa akuCentane aphanda ityala lokubulala emva kokubhubha kwendoda yaseQina kuCentane kulandela ukunkulwa kanobomi ngamadoda amabini, utata nonyana, kuba beyityhola ngokuba inyama yenkukhu.

Isithethi samapolisa uKapteni Jackson Manatha uthi le ndoda ibhubhileyo nguVuyolwethu Njeza (32).

UManatha uthi la madoda mabini abanjiweyo ngutata onamashumi amathandathu ananye kwanonyana wakhe onamashumi amathathu anesine. Le ndoda bayibuleleyo bazalana nayo.

UManatha uthi emva kokubulawa kwale ndoda, la madoda mabini abize inqwelo yezidumbu ayalela ukuba mayisiwe emkhenkceni engakhange abize mapolisa.

La madoda mabini bekulindeleke ukuba avele enkundleni kuCentane ngoLwesihlanu ngetyala lokubulala.