Bamfumene ephila uSolly

UBHAQEKE ephila uSolly Mokoetle nowayesakuba yingqonyela kwiqumrhu lezosasazo loMzantsi Afrika iSABC.

UMokoetle uduke ngokuhlwa ngoLwesihlanu ebusuku kumzi wakhe oseMount Edgecombe eThekwini.

Iingxelo zithi, wagqityelwa ukubonwa yinkosikazi yakhe enxibe iimpahla zokulala (pijama) eyokusabela phandle ngethuba kukho moto ithile eyayimfuna.

UMokoetle ubhaqwe izolo ekwisibhedlele iMahatma Gandhi kwaseThekwini emva kokuthi ndii ezindabeni ukuba ulahlekile.

Unkosikazi kaMokoetle uZola Ntuli uthi, uleqe esibhedlele emva kokufumana umnxeba kumapolisa. UNtuli uthi kuthe xibilili kuye ebhaqekile umyeni wakhe, kwaye ephila.

“Andikayazi ukuba uye njani esibhedlele, kwaye kuye kwenzeka ntoni nangona nje enenxeba elincicni,” utshilo uNtuli.

Iingxelo zithi, uMokoetle ungeniswe kwesi sibhedlele eyindoda engaziwayo ukuba ingubani igama layo. Oonompilo bakholelwa ukuba ukwahlaselwe sisifo sokufa icala (stroke).