Bangenele ugwayimbo abathengisa ezitalatweni

Abathengisi basezitalatweni eMthatha naseMqanduli izolo bazibeke phantsi izixhobo zoshishino bekhalazela izinto eziliqela eziquka ukungakhuselwa ngamapolisa kulwaphulo-mthetho, ukugcwala kwabemi bangaphandle kwezi dolophu, nemeko yokungabikho kophuhliso nangona behlawula irhafu.

Ukususela ngentseni yayizolo bekungekho nomnye umthengisi ezitalatweni kuquka nabaphekayo ngethuba beyodlulisa uxwebhu lezikhalazo kwisebe lezekhaya, kumasipala weKSD kunye nasemapoliseni aseMthatha.

UThembeka Gawulekhaya ongusihlalo kwi-African Hawkers Association kulo mmandla waseMthatha uthi bafuna amapolisa abakhusele kulwaphulo mthetho bayeke ukuba ngamaxhoba kootsotsi.

“Ingxaki esinayo siyakhuthuzwa phambi kwamapolisa enxibe umakufanwe, xa sicela uncedo livele lithi ipolisa, aliphangelanga. Noko sithi kwanele kwaye amapolisa akhuthaza ukuliwa kolwaphulo mthetho kubanjiswene kodwa.akasikhuseli.

Amapolisa awasincedisi kootsotsi. Amapolisa mawabonakale ezitalatweni asikhusele,” kutsho uGawulekhaya.

Aba bathengisi zitalatweni bakwadlulise uxwebhu lezikhalazo kwisebe lezekhaya nakumasipala weKSD.

Kumasipala weKSD bafuna ukwazi ukuba iyaphi imali abayihlawulayo kuba abanamanzi, akukho ndawo zakusithela xa kusina imvula, bekwafuna nokwazi ukuba iyaphi imali abayabelwayo unyaka nonyaka libhunga.

Ukanti kwisebe lezekhaya bafuna kuqwalaselwe indlela abangena ngayo kweli abantu bamazwe angaphandle. Umphathi wamapolisa kummandla waseMthatha uSizakhele Dyantyi uthembise ngelithi bazoziqwalasela izikhalazo ezinxulumene namapolisa.

“Sicela intsebenziswano nabantu abathengisa ezitalatweni. Kuza- kufuneka sihlale nani phantsi sifumane ulwazi ngalo mkhuba wokuthengiswa kweziyobisi kule ngingqi. Siyathembisa ngokuphendula zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe kwimiba esikwaziyo ukuphendula kuyo,” kutsho uDyantyi.

Ayingomngcelele wokuqala ukuqhutywa ngabathengisi basezitalatweni. Kwiinyanga ezimbini ezidlulileyo badlulisa uxwebhu lwezikhalazo kwisebe lophuhliso loqoqosho eMthatha nakumasipala weKSD kodwa akukho mpendulo abathi iyancumisa kwizikhalazo zabo.

Abachaphazelekayo banikwe iintsuku ezisixhenxe ukuba baphendule.

isibhalo@inl.co.za