Bangeniswe esibhedlele eCumakala bekreqwa sisisu

Ngabantu ababalelwa kwishumi elinesithoba abathe bangeniswa kwisibhedlele saseCumakala, bekreqwa sisisu emva kokuba betye iibhanisi (Cream Buns) abebezithenge kwivenkile yale dolophu izolo.

Noxa nje kungacaci ukuba bade bakhutshwa kusini na esibhedlele, isithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo uthi le nkungula ingeniswe kwesi sibhedlele ikhala ngesisu esikreqayo.

Bambi bebehlanza logama abanye bebekhala ngentloko kwanesisu esixuxuzelayo, utshilo uKupelo.

Abasemagunyeni bazakundwendwela kule venkile, ukukhangela ukuba yintoni kanye kanye le ikwezi bhanisi nebangele ukuba kugule abantu.