* Bankwantya luloyiko abasebenzi

ABASEBENZI bomasipala ombaxa iNelson Mandela Bay bankwantywa luloyiko, kangangokuba kunzima nokohlula into elungileyo kwegwenxa emsebenzini wabo, nanjengoko imfazwe phakathi kwe-ANC neDA malunga nekamva laba basebenzi kulindeleke ukuba iqale kungekudala.

Inkokeli yeDA uAthol Trollip, sele itshilo ukuba idyasi izakugcwala umoya kubasebenzi abebengene ngondlela-mnyama kulo masipala, nanjengoko esithi iDA sokuze ilunyamezele urhwaphilizo phantsi kolawulo lwayo.

UTrollip ukuthetha oku emva kokuba umbutho wakhe ibe nguwo ofumana iivoti ezithe xhaxhe kulo nyulo loomasipala.

Kodwa iANC eMpuma Koloni, ephulukene nolawulo eNelson Mandela Bay, ilumkise ngelithi asokuze iyiyeke iDA yenze “unothanda” kubasebenzi baseNelson Mandela Bay. Lo mbutho uthi uzakuyisa kwiinkundla zomthetho iDA xa igxotha abasebenzi balo masipala.

Umsebenzi esingenokumchaza ngokoyikisela ikamva lomsebenzi wakhe uthe: “Siphantsi koloyiko kuba siyayazi utshintsho luzakufika xa kungena iinkokeli ezintsha kumasipala. Okukoyika kusenza singayazi into elungileyo okanye egwenxa ngoku kumsebenzi wethu.”

Lo msebenzi ukwathe umoya wabasebenzi uphantsi “kuba nakanjani siyayiqonda eyokuba utshintsho luza kwenzeka kuthi basebenzi”.

Abona basebenzi kulindeleke ukuba babe ngamaxhoba kwakuqala nje, ngabo baphantsi kwebutho lesipolisa likamasipala.

Ngethuba egaya inkxaso kulonyulo loomasipala, uTrollip uyichaphazele amatyeli eyokuba kukho ubuqhophololo kwibutho lesipolisa kulo masipala, nanjengoko etyhola ngelithi intloko yeli butho uLinda Mti watyunjwa ngenxa yobudlelwane bakhe neenkokeli zalo masipala.

Ngenyanga ephelileyo, lo masipala ukhuphe izithuba zengqesho efuna amapolisa kamasipala akwibakala lobuSajini angamashumi amathandathu anesihlanu (65), kwanamapolisa akwibakala lobu-Inspector angamashumi amahlanu (50). Sithetha nje abagqatswa kwezi zithuba basephantsi kwenkqubo yokuhlolwa ukulungela kwabo umsebenzi, kwaye kukho uloyiko lokuba urhulumente weDA angayiqalela phantsi yonke le nkqubo.

Elinye icandelo ekulindeleke ukuba lichaphazeleke, lelo leenkonzo ezingqamene noluntu (Constituency Services) nanjengoko kuvakala ukuba abasebenzi balo abaninzi, bebetyunjwa ngenxa yobutshantliziyo babo kwi-ANC.

Eli candelo linabasebenzi ababalelwa kwikhulu kwaye umsebenzi walo uquka ukuququzelelwa kwemisitho kamasipala efana nemibhiyozo yeeholide ezifana nomhla wolutsha okanye usuku loomama.

UTrollip uxelele iphephandaba iWeekend Argus, elingubhululu nephephandaba I’solezwe laseMpuma Koloni, ukuba bazakuqwalasela wonke nje umsebenzi okhoyo kuluhlu lwaseNelson Mandela Bay.

“Sokuze sinyamezele abasebenzi abanobuqhophololo nabebeqashwe gwenxa. Esiza kubanyamezela abasebenzi ngabo bangene ngendlela elungileyo futhi basebenza nzima,” utshilo uTrollip.

Kodwa isithethi se-ANC eMpuma Koloni uMlibo Qoboshiyane, uthe baza kuyisa enkundleni iDA xa ijongela phantsi isidima sabasebenzi baseNelson Mandela Bay.

“Kukho imithetho kweli lizwe. Soze sihlale sithule nje sibona iDA ifuna ukwenza unothanda kubasebenzi. I-DA ayinalungelo lokujonga abasebenzi ebusweni emva koko ithi banobuqhophololo.

“Lo nto ayenziwa nditsho nakwisaphuli-mthetho,” kutsho uQoboshiyane.

Omnye umsebenzi walo masipala uthi ebesele eqala ukonwabela ukusebenza phantsi kukaSodolophu uDanny Jordaan.

“Phantsi kukaMnu. Jordaan besisebenza ngokuzimisela kuba yinto leyo ebeyikhuthaza. Mna ndiwufundele umsebenzi endiwenzayo apha kwamasipala, kodwa uloyiko lwam kukuba ukufika kweenkokeli ezintsha zeDA kwakubangela ukuba zifune ukusebenza nabasebenzi bazo kuphela. Siza kuyakhela umkhanyo le nto,” utshilo lo msebenzi.