Baphelelwa lithemba ekudala belinde ukufakelwa kwamanzi

Ixhegokazi lakwaBhaca uMamtolo Siyothula welali iNgxabaxha kumthombo ekukhiwa kuwo amanzi. Umfanekiso: Umbhali Wethu

“Bendiba ndiyakuthi ndiguga ndibe sendixhamle kwiinkonzo
zikarhulumente, kodwa didinga nkqu amanzi la kudala sathenjiswa ngawo.” Lawo
ngamazwi kaMamtolo Siyothula, ixhegokazi elina 78 yeminyaka ubudala. Lo makhulu
ungumhlali kwilali iNgxabarha kwaBhaca. 

Uthi amanzi acocekileyo uwazi kuphela
xa elaliswe esibhedlele. Ukwathe amanzi abawakha emithonjeni kule lali
akacocekanga, kwaye basela nemfuyo, xa umntu engenalo itanki lamanzi.

Ubongoze umasipala ukuba ayithathele ingqalelo
imeko yonqongophalo lweenkonzi kwilali yakhe ingakumbi amanzi. “Ndiyacela
ngokuzithoba umasipala wethu asizamele icebo lokuba sifumane amanzi
acocekileyo, siyasokola thina sigugileyo ukuya emthonjeni,” itshilo le
nkondekazi.

UMamtolo uqhube wathi, ukususela kugayo le nkxaso
yonyulo lokuqala ledemokrasi kweli iANC yathembisa ukufakela abantu iitephu
zamanzi. Ukwathe lo mbutho wazifaka iitephu kodwa amanzi aphuma ixeshana
aphinda aphela.

Lo makhulu ukwathi, akasenawo amandla okuyokha
amanzi emlanjeni, kwaye akanamntu umncedisayo oko kwathi kwasweleka unyana
wakhe.

UMamtolo uthi maxa wambi uqesha abafana nge-R12
ukuba bamkhelele ipheyile la manzi kwimali yakhe yenkamnkam.

UNosisa Makha omelene noMamtolo uthi ukungabikho
kwamanzi acocekileyo kubakhathaza bonke bengabahlali, ngakumbi kumaxhegwazana
afana noMamtolo.

Ubongoze umasipala iAlfred Nzo ukuba ubafake
kuluhlu lweelali ezidinga isibonelelo samanzi esikhawulezileyo.

USodolophu weAlfred Nzo uSixolile Mehlomakhulu uthi
le ngingqi isathwaxwe yimbalela kodwa umasipala uyaqhuba nezicwangciso zokufakela
amanzi acocekileyo kwiilali, nangona lo nto izakuthatha ixesha.