Baphelelwa ngamathemba abadukelwe yintombi yabo

Nandipha Mtuzula

Usapho lakwaMtuzula eTholeni eGcuwa, oludukelwe yintombazana yalo engumfundi webanga leshumi kwisikolo samabanga aphakamileyo iCunningham eGcuwa, luthi lakwamkela naziphi na iindaba ezinakuthi zifike kubo ngomntwana wabo.

UNandipha Mtuzula (19) sele kuphele iveki yesibini engaziwa apho akhoyo lusapho lwakhe kulandela ukuduka esiya esikolweni kwizifundo zangoMgqibelo, ngomhla weshumi elinesithathu kule nyanga.

UNosakhele Mtuzula, nongumama wexhoba, uthi akusehli nobuthongo kubo ngenxa yesi sehlo.

UNosakhele uthi kuyakuthi xibilili kuye mhla kwabhaqeka intombi yakhe. “Nokuba sele izinja zikhonkotha siyaphakama sikrobe. Senza lo nto xa kukhe kwangathi kukho umkhondo, iyaphakama ilali ihambe iyokujonga sibuye nelize. Nokuba ufikile nokuba ubhaqeke engasaphili sakuxola emphefumlweni,” kutsho uNosakhele.

UNosakhele uqhuba athi asele emxhalele umntu ngumakhulu wexhoba, kwaye balindele nantoni na kuye kuba ungumntu onempilo enkenenkene kwaye ovele waqatsela kwakuduka umzukulwana wakhe.

“Oyena mntu womeleleyo ndim kuba nefowuni yomyeni sele ihlala kum, akafuni kufownelwa ngenxeni yokuxheleka ngaphakathi. UNandi ungumama kunyana wakhe ononyaka oneenyanga ezisixhenxe.

UNosakhele uthi amathemba okubhaqa intombi yakhe aya ebamfiliba. “Andinalo ithemba kuba kunyaka odlulileyo kwaduka umntwana ongangaye, naye esiya eCunningham, wabhaqwa emva kwenyanga ehlathini sele wabhubha, ebotshelelwe ngamacingo ubhaka usesemqolo, ekwaneempawu zokudlwengulwa,” kutsho uNosakhele.

USiphosethu Waphi, waduka esiya esikolweni eCunningham kuCanzibe wonyaka ophelileyo, ze wayokufunyanwa emva kweeveki kwihlathi elikufuphi ebhubhile.

Isithethi samapolisa aseGcuwa kwakunye neziphaluka uKapteni Jackson Manatha ithi, amapolisa aphantsi phezulu ekhangela ixhoba, ekwabongoza ekubeni noluntu luncedise ngokukhangelisa, kwaye onolwazi atsalele isikhululo esikufutshane naye.

Amanye amakhosikazi angamaxhoba okubulawa:

-Iintwazana ezalekelanayo zaseNqadu kuGatyana uSiyamthanda Koli (12) noCordelia Koli (16) zabulawa kwinyanga yoMnga ngo2015 zivela emtshotshweni.

-ULutho Qudalele (19) waseDrayini eDutywa wadlwengulwa wahlatywa walahlwa emlanjeni kwinyanga yeThupha ngo2014. Umbulali wakhe wagwetywa.

-Inkumanda yamapolisa aseXhorha uLt-Col Nomalizo Dukumbane wadutyulwa ngethuba engena emzini wakhe ngoogxa bakhe abangamadoda.

Kuquka namanye amaninzi kwilizwe jikelele.