Baphixana ngomhlaba eCambridge

Umhlali wakwa-Ward 16 eCambridge Location uMthunzi Phephu, egqibezela ukwakha ityotyombe azakuhlala kulo kumhlaba oxoxisayoUMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

Abahlali bakwaWadi 16 eCambridge Location batyhola uceba wale ndawo uRoger Relu ngokunikisa ngomhlaba kubantu abakhe amatyotyombe kufutshane nezindlu.

Othethe egameni labahlali uLulamile Solomon uthi baxhalabile kuba oku kuzakubangela ukwakhiwa kwamatyotyombe kufutshane nezindlu zabo.

“Ukwakhiwa kwamatyotyombe apha kuzakubangela ukukhula kolwaphulo-mthetho, kwanokubiwa kombane okuzakubeka esichengeni iintsapho zethu, asiwafuni la matyotyombe kule ndawo,”utsho uSolomoni.

Zizindlu ezingaphezu kwamakhulu amane ezikule ndawo ezizakuchaphazeleka ngokwakhiwa kwala matyotyombe, itsho ingxelo.

“Asifuni ukuba kuqhutyelwe phambili ukwakhiwa kule ndawo, kuza kuchaphazela izindlu nentlalo yethu,”utshilo uSolomon.

Abahlali abangavumiyo ukuba kwakhiwe la matyotyombe kule ndawo batyhola uceba ngokumisela isikhokelo esingekho mthethweni edelela eso sisemthethweni.

“Iintlanganiso zethu zonke ebezixoxa ngalo mcimbi akakhange abekhona uceba, kungoko sityhola yena ukuba aba bantu bavumelene naye ngokwakha amatyotyombe kule ndawo,” kutsho uSolomon.

Uceba wakwa Wadi 16 uRoger Relu, uthi bubuvuvu iingxelo zokuba uthengisele aba bahlali umhlaba eCambridge Location.

“Akakho uceba onokuvumela ukwakhiwa kwamatyotyombe kuba abo bantu kuzakufuneka ukuba banikwe iinkonzo ezinjengamanzi nombane xa bethe bamisa amatyotyombe, buphi ubungqina bokuthengisa kwam lo mhlaba, uphi umntu othi uthengiselwe umhlaba ndim, ayikho le nto ithethwa ngaba bantu,”ukhalaze watsho uRelu.

Uthi kukho iqela labahlali elizileyo kuye linyanzelisa ukunikwa umhlaba, yena ulithumele ukuba liye kuthethana nekomiti yasekuhlaleni.

“Sixakene nala akhoyo amatyotyombe, singakwazi njani ukufaka amanye amatyotyombe emhlabeni esingawaziyo ukuba ngokabani, andinalo negunya lokumisela ikomiti echasene nekomiti emiswe ngabahlali,” utsho uRelu.

Omnye wabo baxhamle ngokuzakhela indlu kulo mhlaba uMthunzi Phephu, uthi badinwe kukuhlala ematyotyombeni behlawula irenti eziyadini zabanye abantu.

“Akukho mntu ndimbhateleyo mna ngalo mhlaba, sidinwe kukurenta, ndihlawula iR350 ngenyanga ukuze ndibe nendawo yokuhlala, imali ebesiyikhuphile yeyokuqesha iTLB yokuwisa imithi kule ndawo njengokuba ubona, akukho ceba simnike mali, senze ikomiti yethu,” kutsho uPhephu.

Omnye umhlali ongavumanga negama lakhe uthi uyakuxhasa ukuthathwa kwalo mhlaba.

“Ndiyabaxhasa aba bantwana, sihlala nabo ezindlwini abaphangeli, elihlathi eli ligcina izaphuli mthetho, mabawuthathe umhlaba,”uthethe watsho umhlali.

Othethe egameni lomasipala waseBCM, uSamkelo Ngwenya, akafumanekanga ukwenza ilizwi.