Baqhuqhwa iLockdown ngenkqubo yokufunda

ABAFUNDI abancinane baphulukana nesakhono sokufunda xa bengaphandle kwegumbi lokufunda ixesha elide, elifana nelo lidalwe kukuvalwa kweentshukumo elizweni nyakenye.

Oku kuthethwe nguCaroll Warmberg, uMlawuli Jikelele kwiITEC ethwaliswe uxanduva lokufaka umfutho wokufunda kubantwana bezikolo zaseKouga. Eli nyathelo lijolise ekuncedeni ngokuvala umsantsa odalwe kukuvalwa kweentshukumo elizweni, ingakumbi ngexesha lonyaka ophelileyo.

Ingxelo ephuma kubaNcedisi kwezokuFunda (Reading Assistants), abajongene nezikolo ezilishumi elinesibini eKouga ezithabatha inxaxheba kule nkqubo yokufunda iincwadi, iveza ukuba kwankqu nakubafundi abanezakhono ezincomekayo ekufundeni iincwadi bathe bachaphazeleka kukuvalwa kweentshukumo elizweni, kwaye bafuna uncedo olongezelelweyo.

Kuqhuba inkqubo yokuqhelanisa abafundi nokufunda eKouga UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Eli nyathelo lenziwa phantsi kwenkqubo yokufunda yeFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay (The Jeffreys Bay Wind Farm Literacy and Numeracy Programme)

Le nkqubo yokufundisa abantwana ngeencwadi ijolise kubafundi bakaGrade 1 ukuya kuGrade 4. Amaqela wabafundi abayinxalenye enziwa ngabafundi abasibhozo ukuya kwishumi elinesihlanu kwiqela ngalinye.

UTsholofelo Moote, iGosa kuPhuhliso lwezoQoqosho kwiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseJeffreys Bay, ukhuthaze abafundi ukuba bafundele ukuzonwabisa phaya kumabanga asezantsi.

Izikolo eziyinxalenye nale nkqubo yiLaerskool Gamtoosvallei; St Patrick’s Primary; Pellsrus Primary; Hankey Primary; Chigwell Primary; Graslaagte Primary; Kruisfontein Primary; Patensie Primary; Quagga Primary; Vukani Primary; Weston Primary; kwakunye neSea Vista Primary.