Baqhushumbisa amangcwaba egameni lophuhliso

KWAFIKA nkampani ithile, yasebenzisa ubuxhakaxhaka bayo bokuhlola ze yafumanisa ukuba umhlaba waseMaCwerheni kwilali yakuTsolo, phantsi kwesithili sakuNtabankulu, inelitye lexabiso lokwenza indlela kwakunye nezinye izinto ezisetyenziselwa imigangatho.

Oku kwabangela ukuba kuqale umsebenzi wokuqhushumbisa eli litye, ukuze kungene iiloli zilithuthe liye kwiindawo zokusebenzela. Ukombiwa kweli litye kuqale ngo2016.

Kanti lonke eli thuba, kukho amangcwaba abalelwa kumashumi amabini anesibini kule ndawo. Amanye wala mangcwaba athe achaphazeleka kolu qhushumbiso kwakunye nokombiwa kwelitye, olukwindlela eya kwisibhedlele iSiphethu sakuNtabankulu.

Amanye wala mangcwaba athe awohloka, kwavela amathambo. I’solezwe lesiXhosa libone amathambo ekukholeleka ukuba ingangawomntu, kwindawo apho kombiwa khona eli litye. La mathambo asecaleni kwendawo enophawu lengcwaba.

Uluntu lwale lali lubanga ngelithi akhona amanye amangcwaba, anokubalelwa kwisithathu, athe ombiwa ngabantu abasebenza kulo msebenzi wokombiwa kweli litye. Amathambo wala mangcwaba, ekukholeleka ukuba mathathu, ayokulahlwa kwindawo engephi ukusukela kule ndawo kombiwa kuyo.

Abahlali bathi le ndawo kombiwa kuyo eli litye, ngamanxiwa wabo amadala abawashiya ngexesha lengcinezelo, besisuswa ngenxa yenkqubo ye-trasti (ukususwa kwabantu kwindawo yabo yomgquba, ze bayokucukaniswa ndaweni ithile).

Ukuqhushunjiswa kweli litye akuphelelelanga nje ekonakaliseni amangcwaba, koko kubangele izindlu ezikufuphi ziqhekeke. Enye yazo sisakhiwo setyalike eside sawa bhum emva kokuqhekezwa kukuqhushunjiswa kweli litye.

Umhlali wale ndawo, uNtuthuzelo Mphandana, uthi baqale ukuhamba bengena kwiminyango yoncedo, ngenxa yokubona ukuba abahoywanga yinkosi yabo.

“Uphuhliso asilugatyi, qha into esiyifunayo kukuba izinto zenziwe ngendlela nangesivumelwano. Sikhe sazidina sazokubuza kwikontraka eqhushumbisa eli litye, yona yasikhomba kwinkosi yale ndawo. Ndathi xa ndandiyibuza inkosi malunga noku kombiwa kweli litye, yathi ndivala uphuhliso.

“Apha sithetha ngekontraka eshiye ezinye zezindlu zichachambile, ezinye ziwile, ngenxa yolu qhushumbiso. Kudala siyiqaphele into yokokuba onakele amangcwaba. Lo mba siwusile kwinkosi kwanakuceba. Uceba wathi akanalwazi malunga nomsebenzi wokombiwa kweli litye,” kutsho uMphandana.

Omnye umhlali, uMongezi Nomaganya, uthi: “Le nto iqale ngokuba sixelelwe ukuba kuza kwenziwa indlela yetha. Sayamkela lo nto kuba siyalufuna uphuhliso. Apho kuqale khona undonakele kukungathethwa nathi ngokupheleleyo. Kuvele kwaqhushunjiswa kwindawo enamangcwaba, kungaqalwanga kuthi bahlali.”

“Into esasiyifuna kukuba la mangcwaba agrunjwe ayobekwa kwindawo efanelekileyo. Sayibiza inkosi yethu, yeza apha kuthi ze sayibuza ngalo mcimbi wokuqhushunjiswa kwelitye. Ukuphendula inkosi yathi ayiyazi ukuba ngubani lo utyikitye isivumelwano sokuba makuqhushunjiswe.

“Xa sibona ukuba ayoneliseki impendulo yenkosi, saya edolophini kumantyi wakuNtabankulu. Nasemapoliseni siyile, kodwa akukho ncedo silufumanayo,” kutsho uNomaganya.

UThandokazi Skaphu uthi belulutsha lwale ndawo abazange baselwa iliso ngokumayelana nombandela wengqesho kumsebenzi wokombiwa kweli litye.

“Into esiyiqaphelayo thina silulutsha kukuba asizange saselwa liso kwinkqubo yengqesho. Apha kuqeshwa abantu abangaphandle. Abantu abatsha baselalini abaqeshiweyo kulo msebenzi babini kuphela. Kudala abantu besebenza apha, thina asihoywanga. Siyalufuna uphuhliso qha into embi kukuba izinto apha azenziwa ngendlela,” kutsho uSkaphu.

Inkosi yale ndawo, uKC Siyoyo, uthi: “Mna ndacelwa ngamaCwerha ephela, hayi abantu abathile, besithi bafuna indlela yetha. Sahamba saya eBhisho, de yabekanti iyaphunyezwa indlela yetha. Wonke umntu wayegcobile ngethuba sixela ukuba iyeza indlela yetha ekudala ilindiwe.”

“Emva koko kwafika mlungu uthile wayohlola phaya, wasixelela ukuba uza komba kula ndawo. Zange kubekho mntu omphikisayo. Le nto iqale kwisigaba sesibini salo msebenzi, kwaqala kwakho izikhalazo,” kutsho uSiyoyo.

Malunga namangcwaba, le nkosi ithi ayinalwazi kuba yona ayizange ikhulele kule ndawo.

“Andinalo ulwazi malunga nesikhalazo ngamangcwaba, le nto baqala ukuyivakalisa ngoku. Ingxaki mna njengenkosi ndathathwa ndayokufihlwa (isithethe esenziwa kubantwana begazi), ndibuye ngoku sele ndimdala ndiyindoda. Andiyazi nokuba kwakukho amangcwaba phaya okanye ayengekho. Bayatsho ke bona, kodwa into endimangalisayo kukhona bayithethayo le nto.

“Anditsho ukuba akukho mangcwaba phaya, anditsho ukuba akhona. Kodwa ke, akukho nto siyiphikisayo. Isikhalazo sabo sisile kurhulumente wephondo, sisalindile ke okwangoku,” utshilo uSiyoyo.

UMphandana uthi into abayifunayo kukuba kulungiswe izinto ezingahambanga kakuhle, kungenjalo baza kubhenela kuqhankqalazo. “Xa sibona ukuba asikhathalelekanga, siza kuwumisa lo msebenzi wolwakhiwo lwale ndlela.”