Barhanela umtyholi kwitakane elineempawu zomntu

USAPHO lakwaMarawu kwilali yaseQaqeni, eLower Ndonga eLady Frere, lucinga ukuba ngumtyholi buqu owabangela ukuba igusha yalo mzi izale itakane elineempawu zomntu.

Ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, usapho lakwaMarawu labangundaba-mlonyeni kwilizwe jikelele, emva kokuba igusha yeli khaya yazala itakane elineempawu zomntu.

Umnini wale gusha, uNoFirst Marawu, uthi igusha yakhe yaqala ngokubonakalisa iimpawu zokulunywa okanye ukuqunjelwa. Bathi bakuyibona ukuba ayide izale itakane, yabe ipena-pena sisisu, baqonda ukuba mabenze ela cebo lakudala lokuseza iCoke kwimfuyo xa ineempawu zokuqunjelwa.

“Yabangcono nje ixesha elincinane, yaphinda yaqunjelwa igusha. Bagqiba kwelokuba mayinqunyulwe, suke bathi gqi ngetakane elineempawu zomntu nezehagu.

“Xa ulijongile ngumntu eli takane. Linezoso oku komntu, liphinde libenempawu zehagu. Ulusu olu belumpuluswa lufana nolomntu, linoboyana obungafani tu nobegusha,” watsho uMarawu, ngethuba wayedlan’ indlebe nephephandaba I’solezwe.

Kule veki, uMarawu uxelele I’solezwe ukuba ezinye iigusha zakhe azikhange zifumane ngxaki ngethuba zizala amatakane.

“Zonke ezinye iigusha zalapha ekhaya zizale kakuhle, amatakane akanangxaki. Bakhona oogqirha bezilwanyana bakarhulumente ababefikile apha ekhaya, benza uvavanyo kwiigusha ezilishumi kodwa abazange bafumane nto egwenxa,” kutsho uMarawu.

Emva kwalo mhlola, owabangela ingxokolo kwilizwe liphela, amagosa esebe lezolimo enza iimvavanyo kweli takane.

“Ingxelo esayifumanayo kumagosa awayevavanya eli takane yeyokuba barhanela ukuba inokuba sisitofu esi sabangela eli takane. Into endixakayo kukuba akukho sitofu sitsha esasisebenzisayo.

“Abantu apha ekuhlaleni barhanela ukuba ngumoya omdaka [umtyholi] lo wabangela yonke le nto. Nam ndinako ukubangqibela ngenxa yokuba into yesitofu andiyiva kakuhle mna.

“Kudala ndazitofa ngesitofu esinye ezi gusha, bendiqala ukufumana ingxaki enje ngale siyifumene kulo nyaka,” utshilo lo mama.

UGqirha Lubabalo Mrwebi, umlawuli oyintloko kwicandelo loogqirha bezilwanyana bombuso, uthi kuvavanyo lwabo bafumanisa eli takane libangelwe ngumkhuhlane owambatha unina ngethuba ekhulelwe.

UMrwebi akakhange achaze elona gama lalomkhuhlane, watsho engqinela uMarawu ukuba ayisosotofu esi sibangele ezimpawu kweli takane.