Baseka uMasifunisane ngelokulwa ubusela bemfuyo

UBHUJELWE yindoda ngo2017 emva koko wayizilela.

Uthe akukhulula izila ngo2018 aqala amasela emfuyo ukumngcungcuthekisa ngokweba imfuyo yomzi wakhe.

Baqale ngeebhokhwe embindini ka2019, baziba akwabikho mkhondo. Babuya xa kuphela u2019 bazokweba iigusha ezingamashumi amane anesibini (42).

“Yandiphatha kakubi kakhulu le nto yokwebiwa kweebhokhwe zomzi wam. Kodwa bethe bakuphinda ngeegusha andakhathazeka kakhulu kuba ndandibona ukuba bakhona okanye ukhona lo mntu undihleleleyo,” kutsho inkosikazi yenye yeelali zaseDutywa incokolela I’solezwe lesiXhosa.

Abahlali baseDutywa baseka umbutho ekuthiwa nguMasifunisane ngelokulwa ubusela bemfuyo UMFANEKISO: SAPS

Le nkosikazi icele ukuba lingakhankanywa igama layo.

Emva kokubona ukuba iyonakalelwa, le nkosikazi yazibandakanya nombutho wokukhangela imfuyo ebiweyo obizwa iMasifunisane.

UMasifunisane unamalungu akwiilali zaseDutywa ezifana nakuNtantala (Ndulini), kooFalakahla, Chizele nezinye. Ilungu lingena ngemali ze emva koko kubekho umrhumanyana okhutshwa rhoqo ngenyanga.

Ibalisa ngesehlo sesibini sokubelwa iigusha, le nkosikazi ithe: “Baziba bazikhetha bashiya amaxhegwazana. Emva koko ndaya emapoliseni eDutywa ze ndaxelelwa ukuba umbandela wokubiwa kwemfuyo yasekhaya uza kuphandwa.”

“Ndiqhubile ngokulinda ukuphandwa kwetyala de kwangomhla wama-28 kweyeKhala 2020 apho kwaye kwakho mfana othile omoshayo apha elalini owaba igusha ze emva koko yagoduka le gusha ebeyibile.

“Uqale apho ke ukuvela umkhondo kuba lo mfana waxela ukuba uyabazi abantu awayesebenza nabo,” kutsho le nkosikazi.

Le nkosikazi ithi emva kwale ngxelo wafowunela ipolisa elijongene neli tyala lakhe waphinda wafowunela kumntu okhokele uMasifunisane.

“Emva kokubuzwa imibuzo, uMasifunisane wabagweba iigusha ezisibhozo umntu ngamnye kuquka nemali ukuze kuphume ezagusha zam. Mama uthile ononyana obandakanyeka kobu busela bemfuyo wayondibambisa emapoliseni esithi ndithathe iigusha zakhe kodwa yayingabo abazizise apha kum,” kutsho le nkosikazi.

Ngenene le nkosikazi iye yabanjwa kwaye ityala layo lisaqhuba enkundleni eDutywa.

Othethela isebe lokhuseleko loluntu eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose, uthi akukho nto “ityhulu” xa abantu beziqokelela ngeenjongo zokugada iindawo abahlala kuzo.

“Yilo nto sinamaqumrhu esiwaqaphelayo afana neCommunity Policing Forum (CPF), noxa nje wona efumana inkxaso kurhulumente.”

UBinqose uthi maninzi amanye amaqumrhu ekuhlaleni aye aqokelelane ukuzama ukujonga okugwenxa okwenzekayo ekuhlaleni.

“Uluntu lunalo ilungelo lokujonga ukuba ngoobani abamoshayo ekuhlaleni. Ilungelo abangenalo lelokutshutshisa kwanokuzithathela umthetho ezandleni kubo. Into ekufuneka beyenzile kukuza nobungqina abanabo ngaphambili kwabasemagunyeni khon’ukuze [kwenziwe ubulungisa kwababelweyo].

“Into eyamkelekayo kukuba abantu baqokelelane bajonge ulwaphulomthetho ekuhlaleni. Andiqondi ukuba likhona iqumrhu likarhulumente elinokuba ngaphesheya kulo nto, kodwa esikucelayo kukuba basakube bebabonile abarhanelwa mabancede beze nobungqina emapoliseni,” utshilo uBinqose.