‘Basela utywala eMpekweni, beqhathana ngathi’

Bazibeke phantsi izixhobo abaqhubi bee-ambulensi eMpuma Koloni bangenela uqhankqalazo Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ABASEBENZI beenkonzo zikaxakeka batyhola amagosa ezempilo kwaneenkokheli zeemanyano “ngokuqhathana” ngabo, babe bona bengawafumani amalungelo abo.

Kule veki abaqhubi kwanabasebenzi beeAmbulensi, bangenele ugwayimbo bemisa ngxi iinkonzo zikaxakeka, emva kokungavisisani nabasemagunyeni kwisebe lezempilo.

Aba basebenzi bathi isebe lisilele ekubahlawuleni iimali zabo zokusebenza ngaphaya kweeyure ezimiselweyo (excess hours) phakathi konyaka ka2003 ukuya ku2014.

Kwiziko leenkonzo zeAmbulensi eMonti, abasebenzi bebeheshuza betshisa amavili bevale isango leeAmbulensi besithi akukho kwasithuthi sezigulana esiza kuhamba de umqeshi ahlawule iimali zabo.

Ngokwaba basebenzi, imali yeeyure ezigqithisileyo ukusuka ku2015 ukuza kulo nyaka iza kuhlawulwa, unomji yimali yeminyaka elishumi elinesibini ukusukela ngo2003.

Umqeshi uvakalise ukuba le mali ingahlawulwa kweyoMqungu kunyaka ozayo.

“Bayasiqhatha xa besithi baza kusihlawula kweyoMqungu. Bayaxoka, bafuna sisebenze ngeenyanga zikaxakeka (ngenyanga yoMnga) ukuze kungabikho ngxaki. Benza le nto kuba bayayazi ukuba zininzi iingozi ngenyanga yoMnga,” utshilo umsebenzi oncokolele I’solezwe.

Isebe lezeMpilo ePhondweni lithi kusekho uthethwano malunga nemali yeeyure ezigqithisileyo ukusuka ngo2003.

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kweli phondo, uHelen Sauls-August, uthi eli nyathelo lithatyathwe ngabasebenzi libadanisile, watsho echaza olu gwayimbo njengolo lungekho semthethweni.

“Bayayazi ukuba baqeshwe phantsi kweenkonzo zikaxakeka ngoko ke abanalungelo lokugwayimba. Isebe liza kuthabatha amanyathelo angaphakathi ukuqubisana nabo bangenele ugwayimbo logama bekufanele ukuba basemsebenzini,” utshilo uSauls-August.

Abasebenzi bathi kudala bekhala kwisebe. “Xa beyazi ukuba singabeenkonzo ezingxamisekileyo, kufuneka bakhawulezise ukuhoyana neengxaki zethu. Ngokomzekelo le mali yethu siyilwelayo, siqale ukuthetha nabo kunyaka ophelileyo kodwa ukuza kuthi ga ngoku akukho nto esele ilungisiwe,” kutsho omnye umsebenzi.

Abasebenzi bakwatyhola amagosa esebe kwaneenkokeli zeemanyano.

“Bayabathatha babase eMpekweni (ePort Alfred), kube mnandi phaya kwenziwe iipotsoyi, kuselwe utywala, babuye basixelele ubuxoki,” utshilo omnye umsebenzi.

USauls-August ukwathe isebe lenze amatiletile okubiza iiAmbulensi zabucala ukusabela kwiintlekele nakwiimfuno zabo bagulayo. Ofuna le nkonzo angatsalela kwa-0800 032364.