Bathe gabalala eklasini oonomngqushwana

IZIKO lemfundo yoonomngqushwana eAdelaide, iPhakamisani Educare Centre, livuliwe kwakhona emva komsebenzi wokuliphucula nokulixandisa oshiye oomanejala bechulumancile futhi nabantwana beyekile ukufundela kwingxinano.

Oku kuza emva kokuba eli ziko lixhamle kwinkqubo yeNkquleqhu yokuPhuculwa kweZiseko eyenziwa yiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseCookhouse (Cookhouse Wind Farm).

IPhakamisani Educare Centre yaseAdelaide iphuculwe futhi yaxandiswa UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Lo msebenzi wokuphuculwa kweli ziko ubuquka ukuphuculwa kwenkqubo yogutyulo lwelindle, ukohlulwahlulwa kwamaziko okufundela nokwakhiwa kwegumbi lokufundela elitsha, phakathi kweminye imisebenzi. Balishumi elinesine abantu basekuhlaleni abathe baqashwa kumsebenzi wokuphuculwa nokuxandiswa kweli ziko.

INqununu yeli ziko, uQaqamba Ndunyana, uthi phambi kwalo msebenzi, iziko labo belakhelwe ukwamkela abantwana abangamashumi amane, kodwa bebeye bamkele abangamashumi amahlanu.

“Ikomiti yolawulo kweli ziko ichulumancile malunga nolu phuhliso, nolubangele ukuba eli ziko likwazi ukwamkela ngokukhuselekileyo abantwana abangamashumi amathandathu,” kutsho uNdunyana.

IGosa loNxibelelwano noLuntu kwiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseCookhouse, uLifa Baskiti, ucacise ngelithi le projekthi ichaza ingqibelelo malunga nokumelwa xa kuthethwa ngokuxhanyulwa, nanjengoko amaziko aseAdelaide engakhange axhamle kwisigaba sokuqala sale projekthi.

UBaskiti woleke ngelithi, “IFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseCookhouse iyavuya ngokunceda la maziko ukuze athobele imimiselo nemigangatho ebekwe ngurhulumente, neza kubangela ukuxhamla okuthe xhaxhe kula maziko mayelana nezibonelelo zikarhulumente”.

Noxa nje eli ziko liphuculwe ze laxandiswa ngenkxasomali yeFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseCookhouse, lo msebenzi ubandakanye uqhogelwano apho kuquka indima edlalwe liSebe loPhuhliso loLuntu, uMasipala waseRaymond Mhlaba, iEarly Inspiration, engabaqeqeshi abancede ekuqulunqeni ingxelo yohlolo lomsebenzi, kwakunye namagosa empilo yokusingqongileyo.

UManejala weMisebenzi yoLuntu kwiFama yoPhehlo-mbane ngoMoya yaseCookhouse, uTshepo Kgoloane, uthi iinjongo zale Nkqubo yoPhuhliso lweZiseko kwiMfundo yooNomngqushwana kukwenza amaziko alungele ukufunda futhi axhase uphuhliso lwabantwana abancinane kuluntu lwaseSomerset East, Cookhouse, Bedford naseAdelaide.