Izinyanya zesiNtu ayingomanxila akhunjulwa ngodlomdlayo

 

Ndihlutshwa liphulo nentengiso yomzi odidiyela nothengisa utywala iCastle Milk Stout, ngokusengela phantsi inkolo yesiNtu noxa amathunga ekho, ngelithi umisela usuku lweziNyanya! Eli phulo alizukunceda ukuvuselela inkcubeko, okulilifa, amasiko nezithethe zamaAfrika nanjengoko bebanga njalo!

Esi senzo siphuhlisa ubuzungul’ ichele obungenantanga ngokusebenzisa inkolo yesiNtu ukuzenzela ingeniso nanjengoko bejolise ekunyuseni iintengiso zabo.

Okona kudanisayo kukuba abantu abafanele ukuba ngabalondolozi bamasiko nezithethe (iinkokheli zemveli) zizibandakanye nephulo lokunyusa iintengiso zikadlomdlayo egameni lenkolo yesiNtu nebezifanele ukuba ngamatshantliziyo atshotsha phambili ekuyikhuseleni koozongul’ichele abayisengela phantsi.

Mhlawumbi ukuze esi simbonono ndisenzayo sicace nakuthathatha, mandiphuhlise ezi ngongoma zilandelayo:

1. Amasiko esiNtu akazozenzo/ misitho elabalabayo, koko yindlela yokuphimisela inkolo yesiNtu.

2. Isiko asibotywala okanye inyama yento exheliweyo, koko lilizwi elithi liphume kubantu bekhaya abanyulu nabamanyeneyo.

3. Utywala basemlungwini bungumgqakhwe kumasiko esiNtu!

4. Inkolo yesiNtu nephinyiselwa phakathi kwezinye izinto ngamasiko nezithethe, ayikho kukhuphiswano lokuba ibe nemisitho ekwikhalenda kuba ezinye iinkolo zanikwa loo nyhweba zizirhulumente ezinefuthe lobukoloniyali.

5. Esintwini akudingeki tywala ukuze kukhunjulwe iziNyanya, kwaye ziyinxenye yobomi bethu bemihla ngemihla!

6. Inkolo yesiNtu ayonkolo yabantu abaqamele ngodlomdlayo. Isizwe sinengxaki yolutsha olungene gabhu emphandeni, kodwa kusangcwaliswa umbulalazwe ongudlomdlayo!!

Liyinene elomfo wasemaMpingeni elithi, “Ithafa elingenazingxangxosi lisisigqubu seenyoka”. Kwezi nkolo zingaka kweli lizwe nezibanendywala zasemlungwini xa ziqhuba imicimbi yazo yonqulo, bekutheni ze kuchongwe le? Impendulo ilele kwela qhalo lomfo wasemaMpingeni. Kaloku ezasekhapha izinja zikhumkile!! Yilo nto nemizi edidiyela udlomdlayo isiqabela ngaphandle kwesali isiNtu!!

Ndikhwebela zonke iiKumkani neeNkosi ezizingcayo ngesiNtu, zizibhekelise kula manyal’enyoka izibandakanye nawo iContralesa! Nayo iContralesa kuyafuneka izibhence ukuba ingaba isadlala le ndima izigasa ukuba idlala yona, okanye sele iliqonga labantu nje abancwase ukuzalisa izisu zabo – mhlawumbi abanye bengengabo nabo bantwana begazi!

Ukuba iContralesa izimisele nyani ukukhuthaza inkolo yesiNtu, ibanjwe yintoni ngoku? Kutheni ifuna ukuxhathisa ngodlomdlayo ukuze yenze oko? Ingaba yintoni egwenxa ngokusebenzisa usuku esele likho nelibekelwe bucala kwikhalenda yesizwe, umhla wama24 kweyoMsintsi nolusuku lokukhumbula amafa esizwe?

Mayixelele (iContralesa) isizwe, ukuba ifunjathiswe ntoni ngulo mzi wotywala iqhubela kubo uluntu, egameni lenkolo!!

Ndiqinisekile ukuba imibutho yamatshantliziyo enkolo yesiNtu ayinakuze ithule oku ngathi akwenzekanga nto, sakugqiba ukubhuntsekwa umnwe wokuphalaza elisweni isiNtu!!

Olu luluvo lukaMonde Ciko (uTshatshu) olitshantliziyo leNkolo yesiNtu!

UMonde Ciko (uTshatshu) olitshantliziyo lenkolo yesiNtu.