Bathengisa ngesiko lokwaluka abazali beMpuma Koloni

Ukungathathi nxaxheba kwabazali kwinkqubo yokwaluka kwabantwana babo ngomnye woonobangela bokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni.

Ingxelo yesebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli ibhentsisa ukuba abazali basasilela ukuthatha inxexheba kulwaluko. Isithethi seli sebe uMamnkeli Ngam uthi abazali abasabeli kwimikhwazo eyenziwa ngurhulumente.

“Le nto ithi ukunganikwa kwabakhwetha amanzi ngomnye wonobangela wokubhubha kwabo yinto ibinokuthintelwa ukuba abazali bebethatha inxaxheba ecacileyo kweli siko lokwaluka,” ucacise watsho uNgam.

Nangona lihlile inani labakhwetha ababhubhileyo kulo nyaka isebe lentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli liyakhala.

“Ukuhla kweli nani akuthethi nto ukubhubha komntu omnye yilahleko kusapho lakhe nakwisizwe ngokubanzi,” utshilo uNgam.

Lihlile inani labakhwetha ababhubhe eMpuma Koloni kweyoMnga ku-2016 xa kuthelekiswa nonyaka ka-2015.

Ingxelo ithi ngabakhwetha abangamashumi amabini anethoba ababhubhe kweli phondo ngexesha lolwaluko lasehlotyeni. Ngabakhwetha abangamashumi amane anesithandathu kwixesha lolwaluko lasehlotyeni kweyoMnga ngo-2015.

Ezinye zeengxaki ezibangela ukubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni ziquka ukunqongophala kwamanzi emzimbeni ngenxa yokuvinjwa kwabo ngamakhankatha. Ukunqongophala kwamanzi emzimbeni kubangela kubenzima ukusebenza ngokuqhelekileyo kwamajoni omzimba.

Ijoyini zomzimba, amehlo kwanokucolwa kokutya kuxhomekeka ncakasana kumyinge wamanzi osemzimbeni wexhoba elo. Ngaphandle kwamanzi umzimba usebenza nzima ukwenza lo msebenzi, impawu eziqhelekileyo ibakukunxanwa, umchamo omdaka ngombala, nokunxila kwentloko. Ingxelo yela sebe ithi zingcibi ezingekho mthethweni ezilithoba esele zibanjiwe ngenxa yokwaphula umthetho olawula ulwaluko eMpuma Koloni.

“Zintandathu ingcibi ezibanjwe eKSD, zibe mbini eChris Hani ize ibenye eAmathole. Zonke ezo zinzame zethu zokuphungula amanani wabantwana ababhubhela eSuthwini,” uthethe watsho uNgam.

Ungenelelo lamagosa karhulumente kubalulwe njengento ebe negalelo lokwehla kwala manani kulo nyaka. “Ukuba ebengaphumanga amagosa ethu ekunye namapolisa namanye amasebe karhulumente ngeliphezulu eli nani labantwana ababhubhele esuthwini, mkhulu umsebenzi abawenzileyo,” utsho uNgam.

UNkosi Xhanti Sigcau uvakalise umothuko emva kweengxelo zokubhubha kwabakhwetha abathathu kwiphondo leNtshona Koloni nanjengoko kungaqhelekanga. Ingxelo ithi abazali bahlawula amakhankatha nengcibi baze bangakhathali ngokwenzeka emva koko. “Abazali baqhuba imali phambili baze bona basonge izandla bethembele ngaba bantu bajika baxhaphaze abantwana babo,” utsho uNgam.