Bathi abazukuvota eGonubie

Abahlali bakwaWadi 27 phambi kwe-ofisi yeANC eMonti, apho bebeyokukhalazela uceba abangamfuniyo

Abahlali bakwaWadi 27 eGonubie phantsi komasipala ombaxa iBuffalo City, babetha ngenqindi phantsi besithi abazukuvota kulonyulo lovalo-sikhewu oluza kubanjwa ngomhla wesibini kwinyanga ezayo xa kuzakube kuvotelwa uceba ukuba basanikwa lo bangamfuniyo umgqatswa.

Batsho ngazwi linye ngethuba bevingce phambi kwe-ofisi yeANC iWB Rubusana edolophini eMonti, besithi uceba abamnikwa ngenkani ngobengunobhala wephondo kumbutho weANC uOscar Mabuyane onguBoy Boy Kalani, abamfuni babetshilo nangaphambili.

Bathi bafuna uVuyisile Hokisi, angene endaweni kaHelen May, kuba bayoneliseka luhlobo asele eqhuba ngalo.

Bakwadiza ukuba uVuyisile Hokisi bengabahlali bamonyule ngokomgaqo-siseko kuba imiqathango efanelekileyo xa kufanelwe konyulwe umntu bayilandele yonke, akukho nto irhuqisa mrhaji.

Umhlali ophambili uMelikhaya Mpukumpa, uthi yonke le nto yokutshintshwa kwamagama nokunganikwa komgqatswa ofunwa ngabo bahlali inokonyulwa kukaMabuyane kutshanje.

“Emva kokonyulwa kwakhe uMabuyane izinto zijike zonke kuba kuthe kwakuphumelela yena waguqula izigqibo ebekuvunyelenwe kuzo. Sigqibe kwelithi singabahlali ukuba, luyaqhubekeka olu lonyulo lukhethekileyo bengasinikanga uHokisi esimfunayo, alizokuqhubekeka ulonyulo.

U-IEC ojongene nolonyulo simxelele ukuba angawubeki owakhe umcondo ngomhla wesibini ukuba iphondo alidanga lasinika umgqatswa esimfunayo kwaye asizukuvota. UBoy boy ebengumgqatswa obefakwe ngondlela-mnyama kwakunyaka ophelileyo, ebambela singamfuni, nangoku asikamfuni akukho nto ijikileyo,” utshilo uMpukumpa.

Okwikomiti yesigqeba eBCM kule wadi uZukiswa Rawuzele uthe: “Into ayenzayo uMabuyane akezi ewadini kuthi ukuzokusabela, uqhuba ngendlela le afuna ukuqhuba ngayo. Uthe xa besithetha naye ku Whatsapp ngoMvulo, wathi inqkubo iza kuqhuba njengonyaka ophelileyo, njani engezi nakuthi? Lityeli lokugqibela eli sikulo kuvaliwe ngoLwesibini kwaIEC.

“Njengokuba besingena umzi nomzi sigaya inkxaso, uKalani ebehleli endlwini yena kanti uyalazi igama lakhe ukuba sele liphambili.” I’solezwe liyibonile nemiyalezo kaWhatsapp ebiphakathi kwamalungu aphambili kwiANC kwakunye noMabuyane malunga nomba lo wokunyanzeliswa koceba. Iinzame zokufumana uMabuyane ziphanzile.