Bathweswe izidanga abafundela ulimo eFort Cox

Ukusuka ekunene nguLeon Coetzee, MEC Xolile Nqatha, Aviwe Mpashu noGqr. Betwell Moyo

UMPHATHISWA weSebe lezoLimo noPhuhliso lwamaPhandle eMpuma Koloni uXolile Nqatha, uxelele abafundi bezolimo kwiKholeji yaseFort Cox ukuba mababe ngabanikazi beefama ezivelisa ukutya okuninzi.


Lo kaNqatha uthethe oku ngethuba kuthweswa izidanga kwela ziko izolo umhla weshumi elinesibhozo. 


“Kufuneka ukuba nithathe ezi zakhono nolwazi enilufumene apha nilime, nifuye, nincedise kumalinge okulwa indlala eMpuma Koloni. Ningena ngexesha apha izinga lentswelangqesho liphezulu,” uthethe watsho uNqatha. 


IFort Cox lelinye lamaziko aqeqesha abelimi kweli leMpuma Koloni kumabakala ohlukeneyo kulimo nokufuya ngaxeshanye. Kuthwesozidanga oluqhutyelwe eXesi, ngabafundi abaqeqeshwe kwizifundo ngezilwanyana, ulimo nendlela zokwenza amashishini ngezolimo nokufuya abathweswe izidanga.

 

“Sikwanaso nesicwangciso sokuphuculwa kweziseko kwiziko laseFort Cox nakuTsolo ngeenjongo zokuba niqhubeke nifunda izifundo zolimo ngaphandle kwengxaki,” utshilo uNqatha.


Inqununu yaseFort Cox uNjingalwazi Patrick Masika uthi impumelelo yabafundi bakhe kulo nyaka yenziwe kukuzinikezela nokusebenza nzima. 


“Indlela abaphumelele ngayo kumele ukuba siyithathele ingqalelo, singayideleli, kufuneka baphume apha abafundi baye kubonakalisa ulwazi,” utshilo uMasika. 


UNandipha Damse ngoyena mfundi uphume phambili.  “Ndifunde lukhulu ngezolimo namhlanje apha, ulimo aluyiyo le nto abantu abaninzi bayifanisa nalo, yindlela ephakamileyo enika isidima eluntwini,” uthethe watsho uDamse.

 

Ikholeji yezolimo yakuTsolo iqhube uthwesozidanga kwinyanga kaTshazimpunzi kulo nyaka ngokukhupha oompondozihlanjiwe babelimi. 


IFort Cox sesinye sezikolo zolimo ezidala eMpuma Koloni.