Batshayelwe abasebenzisa iziyobisi eGcuwa

Amapolisa aseKomani ogcino-cwangco, nabekwe eGcuwa, abambe abarhanelwa ababini abaphakathi kwamashumi amabini ananye kwakunye nonamashumi amathathu anesihlanu, bebanjwa bekwigumbi elikwisikhululo sikaloliwe edolophini eGcuwa.

Lo unamashumi amabini ananye umrhanelwa ubhaqwe eneepilisi ezintlanu ezilu hlobo lweMandrax ezixabisa imali engangamakhulu amathathu eerandi. Ukanti kukwakho nesikhuntyu semali esingachazwanga nekukrokreleka ukuba yenye ayikhuphe ekuthengiseni ezi ziyobisi.

Owesibini umrhanelwa, ubhaqwe enetiks ezilishumi elinesithandathu kwakunye nemali.