Batshe babhubha abafundi abathathu

Bafumana iinkonzo zentuthuzelo yomphefumlo abafundi bezikolo ezibini zaseLady Frere emva kokuba oogxa babo abathathu betshe ngumlilo babhubha kwiveki ephelileyo.

Ingxelo yesebe lemfundo kula ngingqi ithi, abafundi besikolo samabanga aphantsi iBhozwana kunye neMasikhule batshe ngumlilo babhubha kwikhaya lotishala wabo.

Othethe egameni lesebe kula ngingqi uChulekazi Bhula uthi isebe licele ezi nkonzo kwisebe lentlalontle ngeenjongo zokuthuthuzela abo basaphilayo.

“Aba bantwana bebeye kudlala umdlalo wetshesi eMonti baza babuya sele kuhlwile apha, utishala wabo wabacela ukuba balale kwakhe ukuze bahambe ngosuku olulandelayo, batshe ngumlilo belele apho, akaziwa unobangela,”uthethe watsho uBhula.

UBhula ukuqinisekisile ukuba kukho uphando oluqhubekayo ngesi siganeko ngeenjongo zokufumana oyena nobangela wale ntlekele.

“Lukhona uphando oluqhutywayo ngamapolisa malunga nale ntlekele ngelizama ukufumana ukuba wenzeke njani lo mlilo,”utsho uBhula.

Aba bafundi bangcwatyiwe kuMgqibelo ogqithileyo emva kokuba kuqhutywe inkonzo yesikhumbuzo zezi zikolo zidibene.

Omnye wabantwana ebefunda kwisikolo samabanga aphantsi iBhozwana, lo gama ababini kubo bebefunda kwisikolo samabanga aphantsi iMasikhule kuMatyhantya eLady Frere. Unina womnye waba bantwana uNomfundo Peter uthi, isebe lentlalontle libancedisile ukungcwaba abantwana babo.

“U-SASSA ebezile kwaphambi kokuba singcwabe abantwana, nesebe lentlalontle lizile ukuza kuthetha nathi, batshilo ukuba bazakubuya kwakho,” uthethe watsho uPeter.

Ingxelo engaqinisekiswanga ithi, uqhankqalazo leetaxi kwiveki ephelileyo libe- negalelo kule ntlekele nanje- ngoko kungakhange kubelula ukuhamba kwiindlela zephondo leMpuma Koloni kuquka iMonti kunye neKomani.

Oku kwenzeka kanye ngeli xesha abafundi besiya kwiiholide zasebusika emva kokuqukumbela iimviwo zombindi wonyaka.