Bavingcelwe livumba lelindle eNdevana

“Asikwazi nokuphefumla, asikwazi nokutya ngenxa yevumba elibangelwa ngulo mbhobho ohambisa ilindle, ngelinye ixesha lingena nalapha endlwini xa uvuza.” La ngamazwi kaNolisini Dingani (76) waseNdevana ovingcelwe ngumbhobho welindle ohamba kanye phambi konyango wendlu yakhe ukusukela ngonyaka ka-2009.

“Umyeni wam wabhubha ngenxa yengxaki yokuphefumla eyamqala emva kokuba kufakwe lo mbhobho apha, siyanukiselwa abantu bayacezela nokuhamba apha kuba kuyanuka yonke imihla,” uthethe watsho uDingani.

Olu sapho lunabazukulwa abalishumi elinanye lihlala kule ndlu inye umnyango wayo ujongene kanye nokuchichima kweli lilindle yonke imihla.

Ingxelo emalunga nokubhubha kotata weli khaya uDasi Dingani ibonisa ukuba waqalwa zingxaki zokuphefumla emva kokuba wathi waqala iphulo lokujijisana nelo lindle.

“Andithandabuzi ukuba umyeni wam wabulawa yile nto kuba ebephilile engenangxaki phambi kokuba kubekho lo mbhobho apha kulendawo,” utshilo uDingani.

Intombi yelikhaya uBulelwa Kefana uthi kudala ehamba kwamasipala eBuffalo City ezama ukufumana impendulo ngale ngxaki.

“Ndandibabuzile ukufakwa kwalo mbhobho apha ukuba sizakuthini na xa ugqabhukile, yathi impendulo yabo bathunywe ngurhulumente ukuba baze kuwufaka umbhobho kuphela,” uthethe watsho uKefana.

Uthi amagosa kamasipala ake alityelela eli khaya emva kokuba ewaxelele ngale ngxaki kodwa amxelela ukuba akukho nto anokuyenza. “Ndithethile noceba izihlandlo eziliqela kodwa yonke lo nto ayikhange incede kuba umbhobho usasinukisela nangoku,” uthethe watsho uKefana.

Yimali ekwikhulu namashumi amathathu anesihlanu ezigidi zerandi (R135 Million) engasetyenziswanga kunyaka ophelileyo ngumasipala waseBCM nebijoliswe ukusombulula iingxaki zokuhanjiswa kwelindle kulo masipala.

Inkokheli yasekuhlaleni eNdevana uMfundisi Sakhiwo Bhani nguye othe wathabathela kuye uxanduva lokunceda olu sapho. “Njengenkokheli yakwalizwi ndiye ndavakalela ndathi mandizame iminyango ethile, enye yezinto endizenzileyo kukubafunela uncedo lezempilo ukuba benziwe uvavanyo kujongwe ukuba abasulelekanga na,” utshilo uBhani.

Uceba wakwaWadi 49, ekumhlaba onale ngxaki eBCM uMfundo Bota akakhange afumaneke ukwenza ilizwi ngalo mcimbi. Ukuphefumla ivumba elibi elifana neli kuba ngunobangela wezifo ezininzi ezenza ukuba kube nzima ukuphefumla itshilo ingxelo yekhaya lakwa Dingani.