Bawongiwe abalwa ubundlobongela eMdantsane

Ngaphandle kwentsebenziswano yabahlali kwakunye namapolisa belungenakuze lwehle izinga lolwaphulomthetho njengokuba kwenzekile kwindawo yaseMdantsane.

Oku kudizwe ngusihlalo weqonga lamapolisa asekuhlaleni (CPF) kwindawo yaseMdantsane uMziyanda Noqhayi.

UNoqhayi uncokole nephephandaba I’solezwe emva kokuba ngempelaveki kuthe kwabanjwa umsitho wokukhuthaza kwanokuwonga iiCPF zommandla waseMdantsane eziphantsi kolawulo lukaNoqhayi.

UNoqhayi uthi umsebenzi owenziwa ziCPF ekuhlaleni ungapha kwamandla kwaye basebenza nangokuzinikela bengajonganga nzuzo.

UNoqhayi ufumene iwonga lokuba ngoyena ugqwesileyo kummandla wakhe. Uthi uyavuya ukufumana eli wonga.

“ Xa ukhokele uye ungaboni nokuba le nto uyenzayo iyiyo kwaye iyabonwa ngabanye abantu. Eyona mfihlelo yethu yokwehla kwezinga lolwaphulomthetho kwingingqi yaseMdantsane kukubamba amaphulo okuxhobisa uluntu kwiindawo eziphantsi kwaseMdantsane,” utshilo uNoqhayi.

Uthi enye yezinto zokwehla kweli zinga eMdantsane, balandelele kwintetho yokuba iziyobisi ziza nabantu bangaphandle.

Uthi kulo nto bagqibe ekubeni bahlale phantsi babenentsebenziswano nabantu bangaphandle ukuza nezisombululo malunga nengxaki yokuba kusaziwa ukuba iziyobisi ziza nabo.

Usekela nkumanda kumapolisa aseMdantsane uBrigadiya Marinda Mills ubongoze uluntu ekubeni luhlale luzindlebe kwakunye namehlo ekuhlaleni ngenjongo zokusebenzisana namapolisa njengoko iluluntu olusoloko likufutshane nabahlali.

UMninawa Nyusile ongusihlalo wekomiti yesebe lentsebenziswano kurhulumento, uthi ukucutheka kolwaphulomthetho kunceda nokukhula koqoqosho njengoko indawo epholileyo iye itsale abatyali zimali.

Abanye abawongiweyo nguPumla Nwelo, Zanele Gqola, Zanele Dzedze, Nokuthula Dayimani, Lindelwa Nqethe, Anga Tshemese noNozintombi Hontoti.