Bawubukele beme kude umngcwabo kamalume

AKUKHO nto ibuhlungu njengokungavalelisi kwisihlobo sakho seminyaka, umzali, umntwana wakho, ilungu losapho okanye lowo usondeleyo entliziyweni yakho xa ebekwa kwelokugqibela.

Okugalela ityuwa ngakumbi enxebeni, kukungakwazi ukusondela apho angcwatyelwa khona – ube ukhona ungayanga kuvuna mbotyi, ngenxa yokuba ebulewe yintsholongwane ikhorona.

Kube njalo kanye kuMabhuti Witbooi ngethuba ebukele mgama ibhokisi kamalume wakhe isehla okokugqibela kumadlaka asePaterson eMpuma Koloni.

Umalume wakhe ungeniswe esibhedlele emva kokukhala ngeentlungu zesisu, wabhubha kusuku olulandelayo.

“Ebengenanto, wavela wakhala ngesisu waya esibhedlele nge21 kaJuni walaliswa. Kusuku olulandelayo ngoMvulo wasweleka; oogqirha bathe unesifo sePneumonia kwaye ufumaniseke eneCOVID-19. Iziphumo ziye zatsho ngokwenene ngoLwesibini ukuba unayo intsholongwane ikhorona,” uWitbooi ubalisele I’solezwe lesiXhosa exhelekile. UWitbooi uthi umalume wakhe obenama68 eminyaka ubudala khange abonakalise mpawu zale ntsholongwane. Uthi ibhokisi ethwele umzimba kamalume wakhe isuke kumzi wabangcwabi yangqala ngqo emadlakeni.

“Kwenziwe inkonzo emfutshane endlini ngethuba abangcwabi bebelinde [nomzimba] emadlakeni. Siye emangcwabeni emva koko; abefundisi bathandaza phezu kwengcwaba, wonke umntu wabuya umva emva koko wamela mgama, ze abangcwabi bazokufaka umzimba,” kubalisa uWitbooi exhelekile. UWitbooi ubalisa athi, okona kubuhlungu kukungamboni lowo uza kumngcwaba. “ Kuba abangcwabi bathi umzimba usongelwe ngeeplastiki ezintathu, ngoko akubonakali nobuso.” Lo kaWitbooi uthi ebengayithatheli ngqalelo elo hlobo ikhorona de yathi cakatha ekhayeni lakhe.

“Ndiyihloniphile, kwaye eneneni andiyinqweneleli mntu le siyifumeneyo,” kutsho uWitbooi. Uqukumbele ngokuthi unethemba lokuba bayakumhlonipha ngesidima umalume wakhe mhla kwatyhilwa ilitye. Ngethuba sibhala eli nqaku, abantu abosulelwe yikhorona eMzantsi Afrika bebengama-151 209 ngelixa ababhubhileyo bebengama-2 657. EMpuma Koloni bebengama-27 686 abosulelekileyo, ze kwabhubha abangama-422.