Baxakwe livumba lelindle bexinene etyotyombeni

UNomthandazo Mandoyi waseMdantsane ongasakwazi ukuzihambela ngenxa yokugula nokuhlala kwityotyombe elikwimeko embi kunye nabantwana bakhe nabazukulwana, owona mnqweno wakhe kukufumana indlu ebhetele nenesidimaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Usapho lakwaMandoyi kumatyotyombe aseVelwano kwa-N.U.1 eMdantsane, luphila phantsi kwemeko embi nelusizi, nanjengoko umhla nezolo bephefumla ivumba lelindle, naxa kusina imvula bengcuchalaza okwamantshontsho ngenxa yobunyamfunyamfu phantsi kuloo ngxinano yetyotyombe elihlala abantu abalishumi elinesine.

Umama weli khaya uNomthandazo Mandoyi (53), exheleke ngaphakathi ngethuba encokolela I’solezwe lesiXhosa, uthe eyona nto imenza abe buhlungu kukuba ebesele enethemba ingathi izinto zingalunga ngokuthi afumane indlu yethutyana ngokuthenjiswa ngoonontlalontle bala mmandla kuquka noceba wakhe uLennox Gwebile kodwa akhange kubenjalo.

Ngaphakathi kweli tyotyombe linye lincinci uhlala neentombi zakhe ezintlanu nabazukulwana bakhe, into ebenza babelishumi elinesine (14) bebonke.

UMandoyi uthi ngokwemeko ahlala phantsi kwayo imenza acinge ukuba kungcono uThixo amthathe.

UMandoyi uhamba ngesitulo esinamavili ngenxa yengulo.

“Ndiyagula, sendiguliswa mpela yile meko ndiphantsi kwayo njengokuba ubona andikwazi nokuzihambela, ndixhelekile, ukungabi nanto akukho mnandi.

“Ndicela uncedo, sele ndifuna nokuba yileyo yethutyana indlu okokuba ndifihle intloko nabantwana bam. Kunyaka ophelileyo ndibenethemba xa kusiza abantu bakwamasipala apha, befota, behamba noonontlalontle beyibona imeko endikuyo,” utshilo uMandoyi.

UMandoyi uthi aba nontlalontle bafika kungangeneki ngenxa yobumanzi kuba kwakusina imvula, labe ilindle lidamile emnyango.

“Bathi le ayiyondlu enokuhlala abantu, ndanethemba kuba ndisesemlindweni kunangoku.”

UMandoyi uthi qho xa ezama ukuqonda kwiiofisi ezifanele ukumnceda, ufika sele isaziwa imeko yakhe, athenjiswe ngokuba iza kuqwalaselwa. Uthi noceba wakhe waphelela enyanyeni akasalibeki kwakhe.

UMandoyi uthi ungena ephuma esibhedlele eqesha imoto kuba iambulensi yavalwa kwindawo yakhe, ayisezi ngenxa yemeko embi kwanobundlobongela kula ndawo.

Ixhoba libongoza nabani na onokuthi alincede lona nosapho lwakhe. Uceba wala wadi kumasipala iBuffalo City Metro uLennox Gwebile akaphendulanga kumyalezo wethu emva kokungafumaneki kwakhe emnxebeni.