Baxhasa uRamaphosa abasebenzi eChris Hani

Abasebenzi bebephume ngobuninzi ngomhla wokuqala kule nyanga ukuya kumsitho wabo eChris Hani

Icacile inkxaso kasekela mongameli wombutho olawulayo (ANC), uCyril Ramaphosa, kumalungu eCosatu aquka iPopcru, iDenosa, iNehawu, Siamwu kunye neSadtu, eChris Hani.

Oku kuvele ngamandla ngethuba kuqhutywa isikhumbuzo somhla wabasebenzi eThobi Kula eKomani ngoMvulo waleveki nalapho le mibutho ibidibene khona.

Iinkokeli zale mibutho zithethe ngazwinye zikwabonakalisa ngemibhalo inkxaso yazo kusekela mongameli weANC uCyril Ramaphosa.

Nangona umcimbi ibikukukhumbula abasebenzi kwihlabathi ngokubanzi, kodwa le mibutho ifumene ithuba lokuthi uRamaphosa makathathe isikhundla sokongamela iANC ngenyanga Yomnga kulo nyaka ukuze angene kwisikhundla sokongamela ilizwe ngo-2019.

Isithethi esiphambili ebesithunywe ngundlunkulu weCosatu, Simon Hlungwane, uthi bavumelene ngegama likaRamaphosa.

“Sijonge izinto ezithile kuye, ezifana nokukwazi ukusombulula ingxaki ngothethwano, indlela aziphethe ngayo nje ngesiqu, amava akhe kwimicimbi equka umgaqosiseko nengxaki zabasebenzi,” utshilo uHlungwane.

Umbutho wamakomanisi kweli lizwe, iSouth African Communist Party, ubumelwe nguFezeka Loliwe othethe washukumisa abasebenzi kule ndibano.

“Ingxaki esikuyo apha ifana nebali lenja ekwakusithwa ngumbabushe, eyaqheliswa ukuhlala nabantu yasuka yatya abantu ababebeyiqhelisile. Sikulo ngxaki, sixakwe ngumbambushe wethu,” utshilo uLoliwe.

Uthi bengamakomanisi bathathe isigqibo sokuba baxhase uCyril Ramaphosa njengomongameli olandelayo walo mbutho.

“Makaphunyuzwe umongameli nje ngomongameli welizwe, lo nto ithetha ukuba isiko lombutho lithi usekela mongameli nguye ekumele ukuba athathe endaweni kamongameli,” utsho uLoliwe. Abasebenzi bemibutho yabasebenzi be

bejiwuzisa amaxwebhu athi uRamaphosa makakhokele lo mbutho kwakunye nelizwe loMzantsi Afrika ngokukhawuleza.

Othethe egameni leANC kule ndibano, uAaron Motsoaledi, akakhange ayifihle ingxaki ekhoyo ngaphakathi kulo mbutho nangona engakhange acacise ukuba uxhasa bani.

“Sakhokela ilizwe loMzantsi Afrika kwinkululeko abantu basithemba ngokusivotela, kodwa namhlanje ndinganixelela ukuba umbutho (Anc) unengxaki enkulu kumanqanaba onke esikhokelo,kubi kakhulu maqabane,” uthethe watsho uMotsoaledi.

UMohammed Desai omele abasebenzi nabantu belizwe lasePalestina usebenzise elithuba ukubonganza abasebenzi boMzantsi Afrika ukuba bamanyane ukulwa iingxaki zabasebenzi kwihlabathi.

“Abasebenzi bangunobangela wokuma kwehlabathi ngaphandle kwabasebenzi ihlabathi alinakuma, kodwa thina sinengxaki yikubulawa kwabantu abadala nabantwana bebulawa ngurhulumente welizwe lakwaSirayeli, sicela inkxaso yenu,” utshilo uDesai.

Ukanti igama lika-Oscar Mabuyane belibhalwe ngokucacileyo kumaphekepheke ebememelela ukuba le nkokheli inikwe ithuba lokukhokela lo mbutho kweli phondo xa uzakuba uqhuba inkomfa yephondo kwinyanga ezayo.

Abanye bebephethe amaxwebhu athi makanikwe elinye ithuba kwakho uPhumulo Masualle (okwayinkulumbuso) ukuba akhokhele iANC eMpuma Koloni.

siyabulela.mqikela@inl.co.za