Baxuba izifundo nebuyambo

Isikolo iAcademy High School sibambe umsitho wokukhumbula ibuyambo eOrient Theatre eMontiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

KWIZIKOLO ezininzi abantwana baqhutyelwa ukubeni bafunde iincwadi ukuze baphumelele, kanti kwisikolo iAcademy High School eseSouthernwood eMonti akuphelelanga nje apho nanjengoko bexuba izifundo nebuyambo.

Kutshanje esi sikolo, iAcademy High School of Science and Technology, besibambe umsitho wokukhumbula ibuyambo eOrient Theatre eMonti apho abafundi bebebonakalisa izakhono zabo kwimixhentso, imidaniso, ukubonga kwanokucondoba eqongeni benxibe izivatho zesiNtu.

Ukusuka kwizinxibo zesiNtu zamazwe aseAfrika afana neMalawi, Zimbabwe neTanzania ukuya kwezakwaXhosa, ezakwaZulu, ezamakrwala kwanehombo yamanenekazi – iholo yaseOrient Theatre ibihlokoma lihlombe lokonwabela ibuyambo yabafundi.

Inqununu yesi sikolo uFredrick Chitehwe uthi injongo yalo msitho kukubonakalisa ukuba xa amaAfrika emanyene, kuninzi angakwenza.

“Siyazingca ngamasiko ethu, yiyo le nto sigqibe kwelokuba masenze umsitho onje ngalo. Enye into ebangele ukuba senze lo msitho, yile yokubona ukuba izikolo ezininzi zigxile kwizifundo kuphela, zibe zityeshela izakhono zabafundi kumacandelo afana nomxhentso, imidaniso nomculo,” utshilo uChitehwe.

Uthi bayayiqonda ukuba undoqo wesikolo kukufundisa abantwana, kodwa wathi oko kufanele ukuba kungatyesheli ezinye izakhono zabafundi.

Umfundi kaGrade 12 uDavison Tauzen uthi uchulumance kakhulu kukuthabatha inxaxheba kwibuyambo njengamaAfrika.

“Esikolweni sethu sinabafundi abaphuma kwiinkcubeko ngeenkcubeko. Into ebalulekileyo kukubambisana sihloniphane kwaye oko yinto esiyenzayo kwisikolo sethu,” utshilo uTauzen, inzalelwane yakwaBulawayo eZimbabwe.

Yena uBuhle Ntongana, okwafunda uGrade 12, uthe: “Lo msitho usikhumbuza mandulo, ukuze singalibali ngamasiko neenkcubeko zethu.”

Esi sikolo sinabafundi abakumakhulu amathathu aneshumi elinesixhenxe, ukusuka kuGrade 8 ukuya kuGrade 12. Sihlohla ngesiNgesi futhi sikwafundisa isiXhosa nesiBhulu, kuquka nezifundo ezikhethekileyo ezifana neDrama, IT neArts and Culture. Kunyaka ophelileyo, uGrade 12 wesi sikolo ubuphumelele ngo86%.