Bayanyhilana abaxhasi bakaMabuyane noMasualle

ABAXHASI bakaNobhala weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, bathi ukulityaziswa kwenkomfa yalo mbutho ephondweni ziinzame nje zabantu abachasene noMabuyane abafuna ukumbona ephulukana nogqatso lokuba nguSihlalo weANC ephondweni.

Oku kuza emva kokuba inkomfa ebihlelelwe ukuba izakubanjwa eMonti iintsuku ezine ukusukela ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga, ithe yanqunyanyiselwa umhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyoMsintsi.

Kule nkomfa, uMabuyane uzakube equbisana noSihlalo weANC kweli phondo uPhumulo Masualle, okwayiNkulumbuso.

Isizathu sokunqunyanyiswa kwale nkomfa, ngokokutsho kwembalelwano ekhutshwe nguMabuyane, kukuba amasebe aliqela athe avakalisa ukungaxoli ngemigaqo ethile yeenkqubo zale nkomfa.

Kodwa omnye weenkokeli eziphezulu kwiANC, ongumxhasi kaMabuyane, uthi ukunqunyanyiswa kwale nkomfa ziinzame zeqela elixhasa uMasualle zokuba kubekho ulibaziseko lwangabom. “Into embi kuyo yonke le nto, kukuba iqela likaMasualle lisebenzisa izixhobo zikarhulumente ukulwa uMabuyane.

Ngokokubona kwethu amasebe aliqela sele evakalisile ukuba axhasa uMabuyane. “Iqela likaMasualle lithe lakubona oku, laqonda ukuba malenze konke okusemandleni kulo ukulibazisa le nkomfa,” utshilo ongumxhasi kaMabuyane.

Kodwa enye inkokeli yeANC, exhasa uMasualle, ithi iqela likaMabuyane lenza nje ingxokolo kumaqonga ezonxibelelwano afana noTwitter noFacebook.

“Bayayazi ukuba izinto azibahambeli kakuhle emasebeni. Kaloku masikhumbule ukuba kwinkomfa, abona bantu babalulekileyo ngabathunywa aba bavotayo. Abanye aba benza ingxokolo bathetha nje.

“Thina sithe gqolo ukugayela inkxaso uPhumulo kuba sifuna kubekho ubunye kweli phondo,” utshilo umxhasi kaMasualle. Amalungu ekomiti embaxa yeANC (NEC) alapha eMpuma Koloni ukumamela izikhalazo zamasebe. Amasebe angekazibambi iindibano zawo (BGM) anikwe de kube ngomhla wokugqibela kweyeThupha.