Bayemnka abongikazi kwisibhedlele iMthatha Private

Sebesixhenxe abongikazi abashiye umsebenzi kwisibhedlele sabucala iMthatha Private ngenxa yokungafumani ntlawulo kwinyanga ephelileyo.

Aba basebenzi bafumene imivuzo yenyanga yeThupha kwiveki ephelileyo ngenxa yeengxaki zemali ezambethe esi sibhedlele ukusukela oko sathi sasungulwa. Kukho isityholo sokuba esi sibhedlele sigcina abaguli bephilile ngenjongo zokwandisa imali ezakutsalwa kubo kamva. Sishiywe nangoogqirha abamnyama ngenxa yeengxaki zentlawulo zemivuzo.

Eli qela liyekileyo lithi liyoyika ukudiza amagama alo kuba besoyikisela ubomi babo nangona bengenanto yokwenza nesa sibhedlele.

“Ingxaki asiyazi into ezakwenziwa kuthi wonke umntu uhleli ngokoyika kwesa sibhedlele, siyekile emsebenzi kwaye sibaninzi kuba asifumani mivuzo ngelinye ixesha iza ingaphelelanga,” utshilo olixhoba lale meko.

Ingxelo yalamaxhoba ithi ukusukela oko sasungulwayo esi sibhedlele ngo 2014 izinto azikhange zihambe kakuhle kumcimbi wemivuzo.

“Oko esi sibhedlele savulwayo ngo-2014 abasenzi bonke kuquka nabongikazi abafumani mivuzo ipheleleyo, bafumana isiqingatha somvuzo okanye bangafumani kwamali bathenjiswe ukuba imali izakuphuma,” utshilo umonye wabongikazi.

Aba basebenzi bathi abaphathi besi sibhedlele abathethi nabo ngengxaki ebangela ukungaphumi kwemivuzo.

“Umvuzo weyeThupa siwufumene ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kule nyanga yoMsintsi nayo ingaphelelanga, eyale nyanga imali asikayifumani asiyazi ukuba sakuze siyifumane xa liphi ilanga,” ukhale watsho omnye umongikazi.

Bathi bade babuza ngenxa yokubona ixesha lihamba ingangeni imvuzo baxelelwa ukuba imali ayikho.

Ngenyanga yeKhala kulo nyaka esi sibhedlele sigxothe abongikazi abane ngenxa yemeko yemali engazinzanga.

“Ukugxothwa kwabongikazi aba besinethemba lokuba imeko yemali izakutshintsha kodwa ingxaki yemali ayipheli kweli ziko,” utshilo.

Esi sibhedlele sinendawo zokulalisa abaguli abakumashumi amahlanu anesibini kwaye bahlawula imali ezinkulu ngokusebenzisa ela ziko.

“Omnye umongikazi ukhale isikhalo phambi kwabaguli ngenxa yokukhula koxinzelelo lokuleqwa ngamatyala abangelwa kukungamkeli ngendlela eyiyo kwesi sibhedlele,” utshilo lo mongikazi.

“Kusebenza ogqirha abasuka ngaphandle phaya kuba aba balapha eMzantsi Afrika bemka bonke ngenxa yale ngxaki yentlawulo yemivuzo,”utshilo omnye umongikazi.

Esi sibhedlele sesokuqala esinabanikazi baso abamnyama kwaye sasungulwa ngemali ekumashumi alithoba ezigidi zerandi (R90-million) ngoncedo le-Eastern Cape Development Cooperation nabanye abaxhasi.

Sinikezelwe imvume yokusebenza njengesibhedlele sabucala ngenyanga yeKhala yonyaka ka-2014, baza baqalisa kwangalo nyaka ukusebenza.

Umphathi wesisibhedlele ugqirha uCwayita Ongama Yako uthembise ukuba uzakusitsalela umnxeba de sakwenza oko ngokwethu waphendula wathi, “Mna andichaphazeleki kuzo zonke ezizityholo ngoba mna ndiyazisebenzela phaya ngaphakathi esibhedlele, andazani nayo yonke lento,” utshilo uYako.

Abasebenzi abashiyileyo kwanabo basekwesi sibhedlele bayaziphika ezingxelo.

“Uyaxoka uCwayitha Yako nguye umphathi wesa sibhedlele, abantu abaphetheyo phaya abangabongikazi bathi xa bethetha bathunywe nguye, bade bathi xa besithuka sake sambona phi umntwana ongango Cwayita owakhe waqala isibhedlele, uyaxoka nguye umnikazi wesibhedlele,” itsho ingxelo yomnye wabasebenzi.