Baza kubuva ngembali ubusika eMthatha

Kwezinye iindawo kukho amakhaya agcina abantu abadala futhi nabaye bakhathaleleke ngokuthi baqatshelwe ngamaxesha okufika kobusika, kodwa kwilali yaseViedgisville eMthatha awekho amakhaya anjalo. Kungoko iCuba Foundation nengumbutho ongenanto nakwenza norhulumente ubone ukuba mawenze into ukuncumisa amaxhego kwakunye namaxhegwazana ala mmandla ngokuthi iwombathise ngeengubo ezishushu kwakunye nezihlangu ezishushu zokuvuka.

Umsunguli weThe Cuba Foundation uJamaica Cuba, 30, uthi injongo ibikukuncumisa kwanokubulela abantu abadala ngokuthi babadibanise kwindawo enye.

UCuba uthi baye babiza isebe loPhuhliso loLuntu ngeenjongo zokulibonisa ukuba banabo abantu abadala kwiwadi yabo kwenzele bazokwazi ukuqapheleka nabo xa kunikezwa amaqithiqithi kubantu abadala kwaye bakhelwe nabo.

“Kwezinye iilali akhona amakhaya agcina abantu abadala, thina asinawo. Ezi ziinzame zethu kwaneenjongo zokufuna uncedo kweli sebe. Ukuba amathuba anjalo okwakhelwa kwabantu abadala angavela, kungadaleka amathuba engqesho, ulutsha lube nento yokwenza, okunye kungehla izinga leGBV kubantu abadala abahlala bodwa kumakhaya abo. Kwakhona ingakukwehlisa izinga lendlala emakhaya kuba abanye babantu abadala abasakwazi ukuziphekela kuba bebadala. Kanti xa kunokubakho eli khaya bangakhathaleleka. Kula maziko abantu abadala kubakho amathuba okudlala, nto leyo inganegalelo ekwehliseni noxinzelelo kubo,” utshilo uCuba.

Kulo msitho bekukho noMasipala iO.R.Tambo nothe naye wanikezela ngeengubo zokombatha eziyi67.

Ikumkanikazi, uMother Queen Nokwanda Dalindyebo, oyinxalenye neli phulo leThe Cuba Foundation, unikele ngeengubo eziyi11 kumaxhegwazana angawona aguge kakhulu.

Utamkhulu uMvantinti Rofu, 64, oxhamlileyo kulo msitho, uthi bayabulela ukuba buye batshintsha ubomi babo xa beve kuthethwa ngabantu abadala.

“Kube mnandi nokukhe sive kusithwa enkosi kuthi kuba sinizele. Siyabulela, makukhanye kwande kwaye nabanye bafake isandla likhule eli phulo sikwazi ukufumana indawo ekhuselekileyo singabantu abadala,” utshilo uRofu.