UVovo uza kuvela kwiShort n Sweet

UVuyokazi Nguqu kunye noThandazani Khubheka noSikhumbuzo “Shota” Mkhize baza kuba kumabonakude.

Indumasi yeqonga lezonxibelelwano uVuyokazi Nguqu nowaziwa njengoVovo udume kakhulu ngokonwabisa uluntu.

Iindaba ezichulumancisayo zezokuba uluntu liza kumbona rhoqo kumabonakude. Oku kulandela ukuba ethe wachongwa ukuba abe ngomnye wabasasazi kuMzansi Magic nalapho aza kuthetha ngobomi babantu abasithomo sifutshane neemeko abaphila phantsi kwazo.

Le nkqubo, nebizwa Short ‘n Sweet, isekelezelwe kwilali yaseNquthu, ePort Shepstone naseKapa, kwaye ilandela ubomi bukaVovo nonephupha lokubanomntwana. Ikwalandela usomatekisi uThandazani Khubheka, nonqwenelela ukuqala usapho nesinqandamathe sakhe.

Omnye wabathabatha inxaxheba kule nkqubo nguSikhumbuzo ‘Shota’ Mkhize, ofuna ukulungisa imeko emaxongo kwisithembu sakhe.

UShirley Adonisi, ongumqulunqinkqubo, uthethe wenjenje: “Ezi nkqubo ngobomi babantu ziyathandwa kakhulu luluntu yaye ngazo sizimisele ukonwabisa nokufundisa ababukeli bethu.”