Isikhalo ngabadlali bebhola ababhubhele Enyobeni

“Sithatha sibeka siliqela lebhola lakuGompo eMonti kuba singekakholelwa sesi sehlo senzeke kwindawo yentselo iEnyobeni eScenery Park. Esi sehlo asichaphazelanga bazali babantwana kuphela, sichaphazele nathi kuba sihlala nabo aba bantwana ekuhlaleni, kwaye bebeqeqeshwa ndim ebholeni.”

La mazwi ngakaLudumo ‘Sputla’ Salman ophulukene nabadlali bakhe ababini beqela lebhola aliqeqeshayo nokwangusihlalo weCommunity Police Forum (CPF) kuGompo.

USalman uthi akukho lula ukujongana nale meko njengoko esithi bebesajonge lukhulu kwesi sibini.

Aba baphulukene nobomi babo nguMbulelo Rangile (18) kwakunye noBhongolethu Ngcandana (18) belokishi yakuGompo nabaphakathi kwamashumi amabini abantwana ababhubhe ekuzeni kusa ngeCawa, Enyobeni.

USalman uthi ngamnye kwaba babini baza kukhumbuleka kwiqela kuba emnye kubo bezigqamise ngeyakhe indawo. URangile, nowaphumelela uGrade 12 kunyaka ophelileyo eEbenizer Majombozi High eGompo, uthi ebefana nenkokheli kwiqela lakhe kwaye ebalwela oogxa bakhe.

“URangile ebeneempawu kwanezakhono zobunkokheli kuba xa abadlali benengxaki ibiye ibe nguye okhawuleza eze nesisombululo kwaye ebengavumi baphathwe gadalala ebaleni liqela abadlala nalo.”

“UNgcandana, nobengunozinti kwiqela labo, yena ebehlekisa esoloko nokuba kunzima xa kuphunywa ebaleni, uza kuvele abalise ibali eliza kuhlekwa ngabadlali bonke, balibale nokuba bekuxatyenwe ebaleni. Ebekwanguye nomhlabeli wamagwijo ethu uBhongolethu, ngoku asiyazi ukuba sakuhlatyelelwa ngubani,” utshilo uSalman.

Uthi kunzima kakhulu koogxa babo ebebedlala nabo abakamkeli. Uthi okwangoku uqeqesho basalumisile de kube kuyangcwatywa.

USalman wayekhona kwiqela elaya eWoodbrook eWestbank, apho imizimba yamaxhoba igcinwe khona ukuyokujonga imizimba yabantwana, ekhaphe abazali njengoko engusihlalo weCPF.

Uthi zange kube kuhle xa wayebona imifanekiso yemizimba kumakhasi onxibelelwano ekuzeni kusa, ingakumbi xa ebona nabadlali bakhe. Uthi watsalelwa umnxeba ngabazali babantwana sele bekhala.

USalman, odume ngokuphuhlisa ulutsha kwiziphaluka zaseDuncan Village, uthi ukuze aseke eli qela lebhola ngo2019 eGompo, yayizinzame zokukhwebula ulutsha kwiziyobisi kuba efuna luhlale luxakekile njengoko nolwaphulomthetho luluninzi kula mmandla.

Uthi abantwana ngabantwana ekugqibeleni, xa abanye bebeyokuhlamba iphepha nabo bebengazukungayi. Uthi bebenamaphupha ngobomi kodwa buvele banqanyulwa phakathi ubomi babo. Uthi akazukutyhafa ukuqhuba namaphulo okuphuhlisa ulutsha kula mmandla.

USalman uvale ngelithi esele bekufuna ngoyena nobangela wokubhubha kwabantwana kule ndawo yentselo kwaye uphando maluqhube.