Baza kuncumelana, bawolane, baphuzane ngeValentine eMthatha

Imvumikazi yeAfrosoul uBerita, uza kucula ngosuku lweValentine eMthatha

ABATHANDANAYO baza kube bejongene emehlweni bencumelene, bekwaphulaphule umculo omyoli, bonwabele ukutya okumuncis’iintupha kwaneziselo eMthatha ngoSuku lweValentine.

Kaloku ngolu suku, iNduna Events Management kaBetusile Mcinga, iza kube inetheko lokonwabisa izithandani.

Esi sisizathu sokungangeni ngamandla epokothweni yakho ukuze wonwabise lowo usondeleyo entliziyweni yakho.

Eli theko lomhla weValentine libizwa iNdlwane yoThando (Love Nest).

“Indlwane yothando kulapho kufuywe khona uthando ukuze luqandusele isipho esihle,” kutsho uMcinga encokolela I’solezwe lesiXhosa.

UMcinga waziwa njengemvumi yomculo weGospile ekhuphe amacwecwe, yaphumelela neembasa.

“Abantu abaninzi mhlawumbi baza kuzibuza ukuba ndenza eli theko lweValentine kuba kutheni.

Kuba uthando lona kuqala luphuma kuThixo. Akukho nto imbi ukubonisa uthando kwaye sikhulise uthando,” kuncokola uMcinga.

UMcinga, okwabhiyozela iminyaka elishumi wazimanya ngeqhina lomtshato kulo nyaka nenkosikazi yakhe, uthi iLove Nest yenzelwe abo bangamaqabane kwanabo bathandana beziintsapho okanye izihlobo, bengavalelwanga ngaphandle abo bangenamaqabane.

Izithethi eziza kwabelana ngeqonga ngolu suku ziquka uMfundisi uLusindiso Malimba, ongumcebisi kwimiba yemitshato nokwangumbhali wencwadi ethi 21 Realities About Marriage.

UMcinga uthi uMalimba uza kube ethetha namaqabane atshatileyo ngemiba aye aqubisane nayo emtshatweni. Imiba equka iingxwabangxwaba kwabo batshatileyo, oonyana ababekelwa bucala kwiintsapho abazalwa kuzo basakutshata kwaneengxabano phakathi koomazala, oomakoti namadodakazi.

Esinye isithethi nguSicelo Mncube ongumbhali wencwadi ethi I Was Raped And You Were Born.

Ingayintoni imini yezithandani ngaphandle komculo oncamis’ umxhelo?

UBerita, Andile Tsako, Randy, DJ Angisto, Chunky Jama, Fezz Jnr noBetusile baza kwabelana ngeqonga lomculo.

Abefundisi abakhoyo ngolu suku, ngokutsho kukaMcinga, baza kuthandazela imitshato.

Isinxibo sosuku seso simhlophe nabomvu.

Amatikiti afumaneka eVinnie’ s Steak and Grill eBT Ngebs Mall eMthatha – apho eli theko lwe14 kweyoMdumba liza kube liqhutyelwa khona.

Amatikiti wabo bangenamaqabane axabisa iR300, iVIP yabo yiR600.

Amatikiti wabo bahamba namaqabane abo axabisa iR500, ze iVIP yabo ibe yiR1000. La matikiti akhatshwa zizipho, isidlo kwakunye nemifanekiso yamaqabane.

Umcimbi uyaqala ngentsimbi yesithandathu ngorhatya.