Bazakubanjwa abazali babakhwetha

“Bazakubanjwa bavalelwe abazali ababhujelwa ngabantwana eSuthwini ngokomthetho oyilwayo ojoliswe ukulawula isiko lokwaluka eMzantsi Afrika.”

Oku kuthethwe ngusekela mphathiswa wesebe elijongene nentsebenziswano kurhulumento nemicimbi yemveli uObed Bapela eBhisho izolo.

“Lo mthetho (Traditional Male Circumcision Practise Bill) uthi umzali uzakunyanzeleka anike ingcaciso ebonisa ukuba akukho ndawo asilele kuyo njengomzali ekwalukeni komntwana, ukuba usilele ndaweni ithile umzali uzakuvalelwa naye,” ucacise watsho uBapela.

Lo kaBapela ebephakathi kwamagosa karhulumente, iinkosi, iingcibi namakhankatha xa bekumiselwa iphulo lokubeka iso inkqubo yolwaluko eMpuma Koloni.

“Lo mthetho uzakubuyela kuni phambi kokuba upasiswe ngokusemthethweni ukuze nifake izimvo zenu kuwo,” utsho uBapela.

Ziinqwelo mafutha ezingamashumi amane anesibini ezizakusetyenziswa ukubeka iliso inkqubo yolwaluko yasebusika eziqeshwe ngemali ekumashumi amabini ezigidi zeerandi (R21 Million).

UBapela uthi mane kuphela amaphondo anengxaki yokubhubha kwabakhwetha kwaye iMpuma Koloni ihamba phambili kulo maphondo.

“Ingxaki enkulu ise-O.R. Tambo kweli leMpuma Koloni, ngoku sibona iingxaki zokubhubha kwabakhwetha eRawutini, Mntla Koloni naseMntla Ntshona,” utsho uBapela.

Le mali iqeshe ezi zithuthi kuquka nokusetyenziswa koogqirha, kwaye iphuma kwisebe lezempilo.

Usihlalo wendlu yeeNkosi zemveli eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthi abantwana abangamakhwenkwe mabafundiswe nasezikolweni uhlobo lemfundo olunokunceda ukunqanda ukufa kwabakhwetha.

“La makhankatha kufuneka ukuba enzelwe incwadi eyodwa abazakuyifunda ukuze bafundise abakhwetha phaya eSuthwini, izinto abazifundisa abantwana zizinto zasetrongweni ezenza ukuba kubekho la makhankatha singawaziyo,” utsho uMatanzima.

Iingcibi neenkosi ziyalelwe ukuba maziye kusebenza nzima ukuqinisekisa ukuba kuyaphela ukubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni.

“Siyindlu yeeNkosi zemveli sizakunika iNkosi amagunya okuba zilawule isiko ezindaweni zazo ngokupheleleyo, kuba sifuna ukubona iinkosi zithathela kuzo ulawulo lesiko lokwaluka,” uthethe watsho uNgangomhlaba.

Ngama-46 abakhwetha abhubhe eMpuma Koloni kunyaka ophelileyo.