Bazenzele unomgogwana wombane abahlali

Baphila ngokuzithathela umbane ngokungekho semthethweni kwinjini yamanzi abahlali abathile baseGasela eCumakala emva kokulinda ixesha elide bengancedwa kwiingxaki yabo yokungabi nambane.

Ingxelo ithi zizindlu ezingaphezu kwamashumi asixhenxe kula lali ezidinga umbane ukusukela kwiminyaka engaphezu kwamashumi amabini.

Omnye wabahlali othe wazitsalela lo mbane ngelizama ukuphucula impilo yakhe uMathew Gelem uthi kudala belindele ukuncedwa ngombane ngurhulumente.

“Kudala sithenjiswa apha ngumasipala ukusukela ngonyaka ka2012 ngoDisemba besithi azizukuphela iveki ezintathu umbane ungafakwanga, ngoku side sazincama sazitsalela umbane kule njini,” utshilo uGelem.

Ezo zindlu zingakwazanga ukutsala umbane kule lali sele zikuqhelile ukuhlala ebumnyaneni.

Le lali isungulwe ngeminyaka yo1960 kudityaniswa abantu abaphuma kwifama ezahlukeneyo ezingqonge le ndawo ngelizama ukubenzela amakhaya angcono.

“Abazali bethu bafike apha kudala kakhulu singekabikho thina, inye into esele siyifumene ngamanzi apha, umbane siwutsale kuba sidikiwe kukulinda, kothulwa iipali apha ezibonisa ukuba uzakuqaliswa umbane kodwa kwagqityelwa ngoko,”uhambise watsho umhlali.

Uninzi labahlali bale ndawo baphila ubomi bendlala engumangaliso ngenxa yokungabikho kwemisebenzi, okubangela lizinga lemfundo ephantsi kule ndawo.

Lo kaGelem ufumene izoyikiso ezisuka kumagosa kamasipala wase -Amahlathi emva kokuncokola nephephandaba I’solezwe lesiXhosa ngalo mcimbi.

“Bandifikele ndivela emsebenzini bendibuza ukuba kutheni le nto ndithetha namaphepha ngale meko yalapha kuba ibinokuhlalelwa phantsi, ndibaxelele ke ukuba ndithethile nangoku namajelo eendaba,” ucacise watsho uGelem.

Kwintetho yakhe yobume besizwe ngonyaka ka2013 umongameli Jacob Zuma wadiza ukuba zizindlu ezikumashumi asibhozo anesihlanu eepesenti ekhulwini ezisele zifakwe umbane kweli.

Ukanti i-ofisi ejongene nezonxibelelwano kwi-ofisi kamasipala wase-Amahlathi ngomlomo ka-Anathi Nyoka iqinisekise ukuba iyifumene imbalelwano esuka kwiphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa malunga nalo mcimbi.