Bazilungiselela inkomfa yeANC ephondweni

ZIZITHUKO ezibuya zikhatshwe ziziqhulo kuTwitter nakuFacebook nanjengoko abalandeli namalungu eANC eMpuma Koloni belungiselela inkomfa yokonyula iinkokeli ezintsha eMonti kwinyanga ezayo.

Unobhala weANC eMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, uthi ugxa wakhe kazwelonke uGwede Mantashe sele eyigunyazisile ukuba mayiqhube le nkomfa. Ngokomgaqo-siseko weANC, amaphondo kufuneka ebambe iinkomfa zokonyula iinkokeli ezintsha rhoqo kwiminyaka emine.

“Amasebe ethu angaphaya kwamakhulu amathandathu, kulawo akumakhulu asixhenxe anesihlanu, sele egunyazisiwe ukuze athabathe inxhaxheba kwinkomfa. Lo nto ithetha ukuba inkomfa izakuzinyaswa ngabathunywa bamasebe abaphaya kumashumi alithoba ekhulwini (90%),” utshilo uMabuyane.

Okona kunika umdla kule nkomfa lugqatso lwesikhundla sikasihlalo phakathi kukaMabuyane kwakunye neNkulumbuso uPhumulo Masualle, ofuna isihlandlo sesithathu njengosihlalo wephondo.

Ophumelelayo kwisikhundla sikasihlalo, uzakufaka ifuthe lokuba ngubani na ozakuba yiNkulumbuso yephondo xa kuphinda kuvotwa ngonyaka ka2019.

Kusenjalo, ugqatso lwesikhundla sikanobhala phakathi kukaLulama Ngcukayithobi wase-OR Tambo noAndile Lungisa waseNelson Mandela Bay kulindeleke ukuba lunike umdla.

Inkomfa izakubanjwa ngomhla we-30 kweyeThupha ukuya kumhla wesithathu kweyoMsintsi.

Amasebe kulindeleke ukuba aqhube iindibano zawo de kubengumhla wesithandathu kwinyanga yeThupha, ngokokutsho kukaMabuyane.

Iqela eliphumeleleyo kule nkomfa kulindeleke ukuba lenze ifuthe kwinkomfa yombutho kazwelonke. Iqela likaMabuyane lixhasa uCyril Ramaphosa ukuba angene endaweni kaMongameli Zuma logama elo likaMasualle lixhasa uNkosazana Dlamini-Zuma.