Bazonwabisa ngemidlalo ngosuku lolutsha!

Abantwana besikolo bedlala umdlalo webhola Umfanekiso: Babili Maseko

Njengokuba
ilizwe loMzantsi Afrika lizakube liqaphela usuku lolutsha ngoLwesihlanu,
ulutsha lwelali yaseThanga eGcuwa, kulindeleke ukuba lizonwabise ngemidlalo
entlobo-ntlobo ngale mini.

Ilali
yaseThanga izakusindleka itumente ebizwa ngokuba yiFiltane June 16
Commomeration, kuyo kulindeleke ukuba kudlalwe ibhola ekhatywayo kunye
neyomnyazi.

Le
midlalo ithiywe ngegama lelungu lombutho we-United Democratic Movement,
uMncedisi Filtane okwiPalamente kazwelonke kweli.

Umququzeleli
wale midlalo, u-Akhona  Sonjica, uthi
unobangela wokuba bayithiye egameni lakhe, kungokuba ubonakalise umdla
wokuxhasa le midlalo.

“Le
tumente ixhaswa ngobekekileyo uFiltane, onenjongo zokuphuhlisa ulutsha
kwezemidlalo ingakumbi kwezi ndawo zisemaphandleni,” utshilo uSonjica.

Ngale
mini uthi kuzakubakho ixesha lokuba kufundiswe abantu abatsha ngento eyenzeka
ngo1976 kolu suku lolutsha.

“UMnu
Filtane ucelile ukuba le midlalo siyisebenzise ukufundisa ulutsha lwaseThanga
ngesehlo sango-1976 ngolu suku lolutsha, ” uqhube watsho.

Le
midlalo kuthiwa ayikhethanga bani, ivulelekile kumaqela waseMnquma onke kunye
nawezinye iindawo,njengoko kuzakube kuqatshelwa usuku lolutsha kweli.

Njengokuba
le tumente ibifudula isindlekwa minyaka le,  kodwa isokola abaxhasi , ngoku uMnu Filtane
uzibophelele ukuba uzakuhlala eyixhasa.

USonjica
uthi eli lungu lePalamente kazwelonke lithembisile ukuba lizakuthi gqolo
ukuxhasa le midlalo, njengoko lizalwa kwezi lali zaseThanga.

Amaqela
aphumeleleyo kulindeleke ukuba agoduke nezigubha zamabhaso, kwibhola
ekhatywayo, elizintshatsheli lizakufumana ikiti, imali engange R1750, kunye
nendebe enkulu ehamba neemadali zegolide, elibethwe kumdlalo wamanqam, lifumana
iR1000 kunye nemedali yesilivere. Eliphumelele kwibhola yomnyazi lizakufumana
R1000, ikiti kunye nendebe ehamba nemedali zegolide,  ze elibethiweyo  ligoduke nemali engange R500 kunye nemedali
zesiliva.

Iqela
elinomdla wokuthatha inxaxheba kule midlalo lingatsalela uSonjica kule nombolo
078 492 4899.