Uqokelela iintsimbi namavili enze isithuthuthu

USakhumzi nesithuthuthu sakhe azenzele ngokwakhe

USakhumzi Xana oneminyaka engamashumi
amabini anesibini (22) wakuBeyele kwidolophu yaseNgcobo, unesakhono sokwakha
izithuthuthu ngengqokelela yamavili kunye neentsimbi ezindala zebhayisekile kunye
nezemoto. 

Le yinto enqabileyo ingakumbi kumntu ongakuqeqeshelwanga oku. Kungoku
nje isithuthuthu ahamba ngaso ngoku sesesithathu azenzele ngokwakhe, yaye uthi
unemibono emininzi ngeentlobo zezithuthuthu anqwenela ukuzenza, nto nje ubethwa
kukungabi namali nanjengoko ezinye izinto kuye kunyanzeleke ukuba zithengwe. 

Oku kungabi namali kumnyanzela ukuba asebenzise i-oyile endala kwesi sithuthuthu
nto leyo athi hleze yonakalise injini yakhe.

Ebalisa ngokuqala kwalo mbono, le ndoda ithi: ”Kusukela ndisemncinci ndandiye ndicele ibhayisekile ekhaya, kodwa ngenxa
yemeko yokungabikho kwemali ndingakwazi ukuyifumana, ndachola ibhayisekile
ekuthiwa sisiqaqaqa engenamavili, ekhwelwa kwiindawo ezihlayo kuphela, ndaqala
apho ukufakela eyam imibono ndazenzela ibhayisekile eza kuhamba kuzo zonke
iindawo. 

Kuqala khange ndicinge ukuba ndingade ndifikelele ekwenzeni
izithuthuthu kodwa ndaya ndiba nomdla nemibono qho kusisa”.

Emva kokuba efakele amavili kwisiqaqaqa
sakhe, khange aphinde ayeke ukuqokelela nokulungisa yonke into eyintsimbi adibana
nayo. Ukuphucula isakhono sakhe uye wazisondeza kumfo ongumkhandi weemoto
ekuhlaleni, apho athi ubebuza ukuba intsimbi ethile isebenza msebenzi mni konke
oku wakugcina engqondweni.

”Ndaye ndacinga ukuba njengokuba
ndikwazile ukuzenzela ibhayisekile ndiyifake injini ihambe ngayo, ndinalo
nolwazi ngeentsimbi ingase ndizidibanise ezi zinto zenze into enye kwalapho
kuqale khona ukuba ndenze izithuthuthu. 

Abantu bazincoma izithuthuthu zam, ndinqwenela
ukuba ndifumane uqeqesho oluza kundinika iimpepha ndiqeshwe kwiinkampani zemoto
okanye ezenza izithuthuthu,” utsho uXana onqwenela ukuba ngumqhubi sithuthuthu
kwimidyarho ngenye imini.

Zonke ezi zinto lo mfo uzenzela kwindlu
enguronta kowabo, apho kwantsimbi adibana nayo ayichola ayifake kule ndawo
yokusebenzela.

 Utata kaSakhumzi, uMicheal Xana, akawuvali umlomo ngendlela
azimisele ngayo unyana wakhe,  watsho esithi uye ambone evuka nasebusuku elungisa,  edibanisa iintsimbi apha naphaya de kuphume le nto ayifunayo. 

Olu sapho
lungathathi ntweni lunqwenela ukuba unyana walo afumane inkxaso ngoqeqesho kunye
neentsimbi. Nabani na onomdla wokunceda wamkelekile ukuba afake isandla.