Benziwa intlungu ngamapolisa emva kokubulawelwa umakhulu wabo

AMAPOLISA aseMthatha ngawo aqala afika kwaSiguqa kwilali yaseGodini eNgqeleni eyokusabela kwisehlo esilusizi sokudutyulwa kubulawe ixhegwazana elinashumi asibhozo anesibhozo (88), emva kokuba amapolisa aseNgqeleni ethathe ixesha ukusabela kwesi sehlo.

La mapolisa ayebizwa emva kokuba umfana owaziwayo kule lali edubule izithonga ezithathu uManyamezeli Siguqa ekuthambekeni kwenyanga kaCanzibe kulo nyaka, wamshiya ethe natya kwichibi legazi ebhubhile.

Ingxelo ithi lo mfana ubandakanyeka koku, wabiza umakhelwane wakwaSiguqa esithi mabamkhaphe bayokunkqonkqozela eli xhegwazana ngobusuku bomhla wesehlo. Wathi ukuba umakhelwane azichaze ukuba ungubani, wavula ucango uSiguqa, ze umenzi wobubi wathulula iimbumbulu.

Eyokuqala yadubula eli xhegwazana esiswini, eyesibini emlenzeni. Umenzi wobubi uthe akuva ukuba alikabhubhi eli xhegwazana, wasondela walidubula esifubeni wabe uyalibulala.

Emva koko umakhelwane, owayeyalelwe ukuba makalale phantsi, wahlaba umkhosi elalini kwabizwa amapolisa aseNgqeleni, kodwa emva kokuba ethathe ixesha ukusabela, kwafowunelwa awaseMthatha eza phambi kwalawo waseNgqeleni.

Into ephatha kabuhlungu ikhaya lakwaSiguqa kukuba nangona nje amapolisa aseNgqeleni anikwayo umkhondo wokuba ngubani lo wenze oku, athatha ixesha ukubamba umenzi wobubi. Ide yaziveki ezimbini, amapolisa engabambi mntu futhi engakhange azidine ngokuthetha nomakhelwane wakwaSiguqa oyaziyo ukuba senzeke njani esi sehlo.

“Kwaye kwanyanzeleka ukuba sithathe umakhelwane wethu simse emapoliseni eNgqeleni kuba sibona ukuba alihambeli ndawo ityala. Ngoku sele senze oko, akukho mntu wabanjwayo. Amatyeli amaninzi amapolisa aseNgqeleni exelelwa ukuba ngubani obulele umakhulu wethu, kodwa nkqi ukwenza umsebenzi wawo,” kutsho uPaul Siguqa, umzukulwana kaManyamezeli.

Ngenxa yoku, usapho lakwaSiguqa lide lakhalaza kwiofisi yoMkomishinala wamaPolisa ephondo eZwelitsha eQonce.

“Ibe luluntu lwaseGodini nobhuti wam olwathatha umrhanelwa obulele umakhulu lamsa emapoliseni, wavuma ukuba nguye owenze oku esithi uthunyelwe yinkosi yelali emva koko bambamba. Into engasonwabisiyo kukuba le nkosi yelali ayide ibanjwe,” utshilo uPaul.

Umrhanelwa owadubula uManyamezeli ebevelile kwiNkundla kaMantyi waseNgqeleni ngomhla wamashumi amabini kwinyanga ephelileyo, ze ityala lakhe lahlehliselwa umhla wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga ukuze afake isicelo sebheyile.

Kukwakho namarhe okuba le nkosi ityholwa ngokubandakanyeka kweli tyala igrogrisa uluntu lwaseGodini.

Isithethi samapolisa aseMpuma Koloni uColonel Sibongile Soci, uthi eli tyala liphantsi kophando kwaye xa zonke iinkalo zivelelwe, isigqibo siza kuthatyathwa ngelokuba bongezwe kusini na abarhanelwa.

Ngokumayelana nenkosi etyholwa ngokubandakanyeka kweli tyala, uSoci uthe: “Ukuza kuthi ga ngoku akekho umntu okhe weza ngaphambili ukuza kuxela ukugrogriswa yinkosi. Inkumanda yamapolisa [aseNgqeleni] imfowunele ummangali imcela ukuba eze ngaphambili emapoliseni ukuba kukho umntu ogrogriswa yinkosi.”