Bondla iintsapho zabo ngeshishini lezesondo

U-Abongile Gungubele UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

ISHISHINI lokuthengisa ngesondo linemali engabangela ukuba ubeke ukutya etafileni kowenu, ngokokutsho kweSisonke National Sex Worker Movement kwiphondo laseMpuma Koloni.

ISisonke ithe yabamba indibano phambi kwamasango eholo yesixeko saseMonti kwiveki ephelileyo ngeenjongo zokuxelela uluntu ukuba eli lishishini elifanele ukuthathelwa ingqalelo njengawo onke amashishini eMzantsi Afrika.

Okwangoku, ukuthengiswa kwesondo lishishini elingekho semthethweni eMzantsi Afrika, kwaye imibutho efana neSisonke ilwela into yokokuba lithathelwe ingqalelo eli shishini futhi libe semthethweni.

Umnxulumanisi weSisonke eMpuma Koloni uAbongile Gungubele uthe: “Kwishishini lokuthengiswa kwesondo, uyakwazi ukuphila. Sondla iintsapho zethu ngemali yezesondo.”

“Ukuthengisa ngesondo ngumsebenzi kuthi futhi siyawuthanda, asinanjongo zakuphuma kuwo. Into esiyifunayo kukuba urhulumente awenze ube semthethweni umsebenzi wethu,” utshilo uGungubele.

UGungubele uthi baninzi abantu abaza kuxhamla xa ishishini lokuthengiswa kwesondo lingase mthethweni. “Iintsapho zethu ziza kuxhamla, namanye amashishini aza kuxhamla kuba imali esiyenza kwishishini lethu sihamba siyo kuyichitha kwezinye iindawo,” kutsho uGungubele.

UGungubele uthi iSisonke ikhuthaza ukuthengiswa kwesondo okukhuselekileyo. “Sisebenzisa iikhondom. Asiyonyani into yokuba sinwenisa ugawulayo,” utshilo uGungubele.

Kodwa obefudula ethengisa ngesondo, uVera Qwesha waseBhayi, uxelele I’solezwe kwinyanga ephelileyo ukuba wabona makohlukane nalo msebenzi wokuthengisa ngesondo kuba ekholelwa ukuba awumlungelanga.

UQwesha uthi waqina isibindi kulo msebenzi wokuthengisa ngesondo ngenxa yokuba etshaya iziyobisi.

“Ndandikwazi ukulala namadoda nokuba alishumi ngosuku, ndisenza amawaka amahlanu eerandi ngesiqingatha seyure,” utsho uVera.

Uthi abafazi bamadoda azizigwili babembiza ukuba ayokulala namadoda abo.

“Aba bafazi ngaba bala madoda atyebe kakhulu ngokwemali. Bebendibiza ukuba ndiyo kulala namadoda abo kuba bengasafunwa ngokwasebhedini. Maxa wambi besiye siphume siye ehotele eKapa, ndihamba nesi sibini sitshatileyo, abantu bacinge ukuba ndingumhlobo wabo, kanti mna ndizokuthengisa ngomzimba kutat’ ekhaya,” utsho uQwesha, owohlukene nalo msebenzi ngo-2014.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za