Bonzakele kugwayimbo abahlali baseKatikati

LINGENISWE kwisibhedlele saseKatikati ishumi elinesithoba labahlali bale dolophu emva kokudutyulwa ngeembumbulu zerabha ngamapolisa ngentseni yayizolo.

Malunga namawaka asixhenxe wabemi bale dolophu, uninzi lulutsha oluswele ingqesho kwakunye nabadla umhlalaphantsi, babambe uqhankqalazo.

Abahlali bakhalazela ukuthotywa komgangatho wesibhedlele saledolophu nekuvakala ukuba usizakubekwa kumgangatho wekliniki.

Babalelwa ku-50 000 abantu abazakuchaphazeleka kukuvalwa kwesi sibhedlele nekuzakunyanzeleka ukuba bafumane uncedo lwesibhedlele saseKomani esikubude beekhilomitha ezingamashumi amathandathu okanye iCumakala ekubude beekhilomitha ezingamashumi amahlanu.

Abahlali bavale indlela uN6, bephazamisa ukuhamba kwezithuthi macala omabini alendlela.

Obethethela abahlali uCeshemba Vakalisa nokwangumququzeleli wolu qhankqalazo utyhole urhulumente noomasipala ephantsi kwabo le dolophana, Amahlathi kwakunye nowengingqi Amathole.

“Urhulumente wasusa iSASSA wayisa eCumakala, ngoku bathoba isibhedlele basibeka kumgangatho wekliniki.” Uthe, “Akwakhelwa bantu apha kodwa kwakunesivumelwano sokwakha izindlu eziyi 67 000 ngo2002. Umbane awukho kwasedolophini. UThobile Mpumela ongomnye wabadutyuliweyo uthe: “Ndidutyulwe lipolisakazi izihlandlo ezibini apha ngemva, limi kufutshane, ndizama ukunqanda abahlali abebexulutya ngamatye.”

Omnye wabadutyulweyo uAyanda Mjadu uthe, “Nam bendinqanda, kwathi xa esidubula la mapolisa ndabaleka ndoyela emseleni, lafika elinye ipolisa landikhaba.”

Abahlali bakwatyhole amapolisa ngokuleqa kuphela abantsundu kolu qhankqalazo, nebekukho kulo abamhlophe. uAdvocate Jennifer Wild ongumkomishinala wenkundla yentlawulo eziphantsi utyhole amapolisa ajongene nobundlobongela ngokuba gadalala kubahlali.

“Besibambe uqhankqalazo oluzolileyo kwathi pha ngentsimbi yesibhozo kwafika lamapolisa alwa ubundlobongela adubula.

Isithethi samapolisa eKatikati uLeftenant Namhla Ndleleni uthe, “Abahlali bebexulutya iimoto ezihamba kuN6, babethe imoto yakwamasipala, kwakunye neyomnye umhambi, baphinda bachana namapolisa amabini.”