Butho Vuthela: Zizakubuya iigusha zam

UButho Vuthela kunye nabaculi boMbhaqanga eNtabankulu kuMnyhadala wamaMpondo (Mpondo Festival) UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Emva kokulahlekelwa ziigusha ezingaphezu kwekhulu elinamashumi amabini, imvumi yegospile yeli leMpuma Koloni uButho Vuthela, uthi unethemba lokuba ziza kubuya iigusha zakhe.

Lo kaVuthela ubelixhoba lokuthathelwa iigusha zakhe ngenyanga yeKhala kulo nyaka ngamasela emfuyo ekhayeni lakhe eUpper Ngxaxha eMount Fletcher.

“Ngenyanga yeKhala kuthathwe ezilishumi elinesihlanu zifika ekhaya phaya emva kwemini, ngabantu abafika baziqhuba baya kuzifaka ehlathini, ngomhla wesihlanu kwinyanga yeThupha bafika ngobusuku bathatha ezilikhulu neshumi elinesithoba,” uthethe watsho uVuthela.

Lo kaVuthela uthi ezi gusha zibubutyebi bekhaya lakhe kuba baphila ngazo.

“Ngezi gusha ndifundisa, ndondla abantwana, ndinabantwana abaseyunivesithi, ziyimali yeli khaya ezi gusha, ngoko ke sibetheke kakhulu ngenxa yale meko,kodwa ndinethemba ziza kubuya iigusha zam,” uthethe watsho uVuthela.

Emva kwentsebenziswano yamapolisa, abahlali nosapho lakwaVuthela, zibuyile ezinye zezi gusha. Ixabiso lalo mhlambi liqikelelwa kumakhulu amabini amawaka eerandi (R200 000), itsho ingxelo.

“Emva kwentsebenziswano namapolisa aseKatkop kuQumbu, sizifumene kwizihlandlo ezibini ezahlukeneyo ezinye iigusha, ngoku zingamashumi amahlanu anesibini iigusha ezingekafumaneki, kodwa sinethemba,” uthethe watsho uVuthela.

Idolophu yakuQumbu, Tsolo nakwaBhaca zinengxaki enkulu yokubiwa kwemfuyo, ngenxa yoku abantu bayabulalana. “Kukho amaqela wamasela akhoyo apha ekuhlaleni asebenzisana nabantu abasuka ngaphandle, bathutha iigusha neenkomo zethu bezithengisa kumazwe angaphandle,” utsho uVuthela.

Uthi ngenxa yokumka kwalo mhlambi, utata wakhe uThembela Vuthela wophukelwe yimpilo.

“Utata uhamba koogqirha ngenxa yokuba kulahleke ezi gusha, impilo yakhe iye yophuka kakhulu, ngoko isibetha ngendlela ezininzi le nto yobusela bempahla,” ucacise watsho uVuthela.

Othethe egameni lamapolisa akuQumbu, uKapteni Raphael Motloung, uthi ngenene ininzi ingxaki yokubiwa kwempahla kuQumbu, Mount Fletcher naseMatatiele.

“Sikumda woMzantsi Afrika neLesotho, abantu bathatha iigusha neenkomo zabantu kweli cala baziwelise umda ziye kuthengiswa kwela cala laseLesotho, kodwa siyasebenzisana nabantu kunye namapolisa aseLesotho ukulwa le ngxaki,” uthethe watsho uMotloung.

Uthi kukho ikomiti eyamiselwa ngeenjongo zokuba inqande lo mkhuba ukuze kuphele ukuthathwa kwemfuyo kwezi ndawo.

“Sine-Border Committee eyenza umsebenzi omhle kakhulu equka abafuyi baseMzantsi Afrika nabafuyi baseLesotho kunqandwa le ngxaki.