Dumza Maswana: Umngqungqo, indyondyo neekhamera

Imvumi yomngqungqo uDumza Maswana umfanekiso: facebook

UTHE asakubhekabheka uDumza Maswana akabona ndawo yimbi yokwenza iDVD yakhe ngaphandle kweMpuma Koloni.

UMaswana yinzalelwane yaseNgqushwa kweli phondo, uza kube eshicilela iLive DVD yakhe eGuild Theatre eMonti kule mpelaveki umhla we2 kweyeSilimela.

UDumza uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba iza kube ikokokuqala abantu bebona iDVD eshicilelwe ngqo eMpuma Koloni.

“Abantu baye bakhethe ukushicilela eRhawutini kuba iyeyona ndawo bakwaziyo ukwamkeleka kuyo nangokwenani labantu.”

Kodwa uthi yena oku kuthetha nto engenye. “IMpuma Koloni yiyo evelise iimvumi ezininzi, koko ndibone kubalulekile ukuba mandize ndizokunikela ngolu hlobo ebantwini basekhaya ,” kutsho uDumza.

UDumza uthi ufuna abantu abatsha ngale mini bangafumani kungqungqa naye nje kuphela kodwa bakhuthazeke.

Uphelekwa nguKeke Lingo weeMaffins asebenze naye iminyaka emihlanu, uTiti Luzipo, uLwanda Gongwana, uBongani Tulwana noLuyanda Madope.

Amatikiti ayaphela eComputicket kwaye axabisa iR200 ngelixa aweVIP ethengwe aphela.

SIPHISA NGAMATIKITI!

I’solezwe liphisa ngamatikiti amahlanu kubafundi bephepha.

Omawukwenze sibhalele umyalezo othi “ Dumza Maswana Live DVD” usithumelele kwi-Inbox yethu kaFacebook: Ilisolezwe okanye kuTwitter: @ Ilisolezwe.

Waphoswa!